Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Numeri 28:1-31

28  Wathetha ngokubhekele phaya uYehova kuMoses, esithi:  “Bayalele oonyana bakaSirayeli, uthi kubo, ‘Nifanele nikunyamekele ukusondeza kum umnikelo wam, isonka sam,+ esiyiminikelo yasemlilweni njengevumba elithozamisayo kum,+ ngamaxesha ayo amisiweyo.’+  “Yaye uze uthi kubo, ‘Nguwo lo umnikelo wasemlilweni eniya kuwusondeza kuYehova: ziinkunzi ezimbini zeemvana ngosuku, eziphilileyo, ezimnyaka-mnye ubudala, zibe ngumnikelo otshiswayo othe rhoqo.+  Enye inkunzi yemvana woyinikela kusasa, uze enye inkunzi yemvana uyinikele phakathi kweengokuhlwa ezimbini,+  kunye nesahlulo seshumi se-efa+ yomgubo ocolekileyo sibe ngumnikelo wokudla okuziinkozo+ ogalelwe ioli engqushiweyo esisahlulo sesine sehin;+  umnikelo otshiswayo othe rhoqo,+ owenzelwa eNtabeni yeSinayi njengevumba elithozamisayo, umnikelo wasemlilweni kuYehova,+  nomnikelo wawo othululwayo,+ ube sisahlulo sesine sehin kwinkunzi yemvana nganye.+ Uze uthululele endaweni engcwele umnikelo othululwayo wesiselo esinxilisayo+ oya kuYehova.  Enye inkunzi yemvana woyinikela phakathi kweengokuhlwa ezimbini. Woyenza ngomnikelo wokudla okuziinkozo ofanayo nowakusasa nangomnikelo wawo othululwayo ofanayo, ibe ngumnikelo wasemlilweni lowo, olivumba elithozamisayo kuYehova.+  “‘Noko ke, ngomhla wesabatha+ nosondeza iinkunzi ezimbini zeemvana eziphilileyo ezimnyaka-mnye ubudala nemilinganiselo yeshumi emibini yomgubo ocolekileyo, ibe ngumnikelo wokudla okuziinkozo ogalelwe ioli, nomnikelo wawo othululwayo, 10  ibe ngumnikelo onyukayo ke lowo wesabatha ngesabatha yawo, ndawonye nomnikelo otshiswayo othe rhoqo+ nomnikelo wawo othululwayo.+ 11  “‘Ekuqaleni kweenyanga zenu nosondeza kuYehova umnikelo otshiswayo wamathole amabini eenkomo aziinkunzi nenkunzi yegusha enye, kwaneenkunzi zeemvana eziphilileyo ezimnyaka-mnye ubudala zibe sixhenxe,+ 12  nemilinganiselo yeshumi emithathu yomgubo ocolekileyo, ibe ngumnikelo wokudla okuziinkozo+ ogalelwe ioli wenkunzi yenkomo nganye nemilinganiselo yeshumi emine yomgubo ocolekileyo, ibe ngumnikelo wokudla okuziinkozo ogalelwe ioli wenkunzi leyo enye yegusha,+ 13  nemilinganiselo yeshumi emibini yomgubo ocolekileyo ngokwahlukahlukeneyo, ibe ngumnikelo wokudla okuziinkozo ogalelwe ioli wenkunzi yemvana nganye, ibe ngumnikelo otshiswayo lowo, olivumba elithozamisayo,+ umnikelo wasemlilweni kuYehova. 14  Yaye iminikelo yayo ethululwayo yoba sisiqingatha+ sehin yewayini kuyo inkunzi yenkomo nesahlulo sesithathu+ sehin kuyo inkunzi yegusha nesahlulo sesine+ sehin kuyo inkunzi yemvana. Nguwo lowo umnikelo otshiswayo wenyanga ngenyanga ezinyangeni zawo zonyaka.+ 15  Kwakhona, kufanele kunikelwe netakane elinye+ lebhokhwe libe ngumnikelo wesono kuYehova ukongezelela kumnikelo otshiswayo othe rhoqo ndawonye nomnikelo wawo othululwayo.+ 16  “‘Ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesine enyangeni leyo, yipasika kaYehova.+ 17  Yaye ngomhla weshumi elinesihlanu enyangeni leyo ngumthendeleko. Iintsuku ezisixhenxe kodliwa amaqebengwana angenagwele.+ 18  Ngosuku lokuqala kuya kubakho indibano engcwele.+ Nize ningenzi naluphi na uhlobo lomsebenzi onzima.+ 19  Nimele nisondeze amathole amabini eenkomo aziinkunzi nenkunzi yegusha enye neenkunzi zeemvana ezimnyaka-mnye ubudala+ zibe sixhenxe, zibe ngumnikelo wasemlilweni, umnikelo otshiswayo+ kuYehova. Zifanele zibe zeziphilileyo kuni.+ 20  Nize niwenze umnikelo wazo wokudla okuziinkozo+ ngomgubo ocolekileyo ogalelwe ioli eyimilinganiselo yeshumi emithathu kuyo inkunzi nemilinganiselo yeshumi emibini+ kuyo inkunzi yegusha. 21  Uze wenze imilinganiselo yeshumi+ eyahlukahlukeneyo yenkunzi yemvana nganye kuzo iinkunzi zeemvana ezisixhenxe; 22  nebhokhwe ibe nye yomnikelo wesono wokunicamagushela.+ 23  Nowenza wona ngaphandle komnikelo otshiswayo wakusasa, ongowomnikelo otshiswayo+ othe rhoqo.+ 24  Nize ngokufanayo nenze umnikelo wamihla le kangangeentsuku ezisixhenxe, ube sisonka,+ umnikelo wasemlilweni, olivumba elithozamisayo kuYehova.+ Ufanele wenziwe ndawonye nomnikelo otshiswayo othe rhoqo, nomnikelo wawo othululwayo. 25  Yaye ngomhla wesixhenxe nifanele nibe nendibano engcwele.+ Nize ningenzi naluphi na uhlobo lomsebenzi onzima.+ 26  “‘Ngomhla wentlahlela,+ ekuwusondezeni kwenu umnikelo wokudla okutsha okuziinkozo kuYehova, ethekweni lenu leeveki,+ nifanele nibe nendibano engcwele. Nize ningenzi naluphi na uhlobo lomsebenzi onzima.+ 27  Nosondeza umnikelo otshiswayo olivumba elithozamisayo kuYehova wamathole amabini eenkomo aziinkunzi, nenkunzi yegusha enye, neenkunzi zeemvana ezimnyaka-mnye ubudala zibe sixhenxe;+ 28  nomnikelo wazo wokudla okuziinkozo womgubo ocolekileyo ogalelwe ioli oyimilinganiselo yeshumi emithathu kuyo inkunzi yenkomo nganye, nemilinganiselo yeshumi emibini+ kuyo inkunzi yegusha nganye, 29  nomlinganiselo weshumi+ ngokwahlukahlukeneyo kwinkunzi yemvana nganye kuzo iinkunzi zeemvana ezisixhenxe; 30  netakane lebhokhwe elinye lokunicamagushela.+ 31  Ezo zinto nozenza ngaphandle komnikelo otshiswayo othe rhoqo nomnikelo wawo wokudla okuziinkozo.+ Zifanele zibe zeziphilileyo kuni,+ neminikelo yazo ethululwayo.+

Umbhalo osemazantsi