Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Num 27:1-23

27  Zasondela iintombi zikaTselofehadi+ unyana kaHefere unyana kaGiliyadi unyana kaMakire unyana kaManase,+ weentsapho zakwaManase unyana kaYosefu. Ngawo ke la amagama eentombi zakhe ezo: NguMahala, uNowa noHogela noMilka noTirtsa.+  Zema phambi koMoses naphambi koEleyazare umbingeleli+ naphambi kwezikhulu nendibano yonke emnyangweni wentente yokuhlangana, zathi:  “Ubawo wafela entlango,+ kodwa wayengekho phakathi kwendibano, oko kukuthi, abo bakha uluhlu nxamnye noYehova kwindibano kaKora,+ kodwa wafela esakhe isono;+ yaye wayengenanyana.  Yini na ke ukuba igama likabawo licinywe phakathi kwentsapho yakhe kuba engenanyana?+ Owu khawusinike ilifa phakathi kwabazalwana bakabawo.”+  UMoses wasibeka isimangalo sazo phambi koYehova.+  Ngoko wathi uYehova kuMoses:  “Iintombi zikaTselofehadi zilungisile ukuthetha. Ufanele nakanjani na uzinike ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, ulidlulisele kuzo ilifa likayise.+  Yaye uze uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, ‘Xa ithe yafa indoda ingenanyana, nimele nilidlulisele ilifa layo kwintombi yayo.  Ukuba ayinantombi, nimele nilinike abantakwayo ilifa layo. 10  Ukuba ayinabantakwayo, nimele nilinike abantakwaboyise ilifa layo. 11  Ukuba uyise akanabo abantakwabo, nimele ilifa layo nilinike isalamane sayo segazi+ esisesona sisondeleyo kuyo entsatsheni yayo. Yoba ngummiselo wesigwebo ke lowo koonyana bakaSirayeli, kanye njengoko uYehova emyalele uMoses.’” 12  Wandula ke wathi uYehova kuMoses: “Nyuka uye kule ntaba yeAbharim+ ukuze ulibone ilizwe endiya kuthi ngokuqinisekileyo ndilinike oonyana bakaSirayeli.+ 13  Wakuba ulibonile, uya kuthi ke nawe uhlanganiselwe ebantwini bakowenu,+ ewe, wena, kanye njengokuba wahlanganiselwayo noAron umntakwenu,+ 14  kuba nawuvukelayo umyalelo wam entlango yaseTsin engxabanweni yendibano,+ endaweni yokundingcwalisa+ ngamanzi lawo phambi kwamehlo abo. Lawo ngamanzi aseMeribha+ eKadeshe+ entlango yaseTsin.”+ 15  Wathetha ke uMoses kuYehova, esithi: 16  “Makathi ke uYehova uTHIXO woomoya+ benyama yonke+ amisele indoda yokuvelela indibano+ 17  eya kuphuma phambi kwabo, ingene phambi kwabo, ibakhuphe ize ibangenise,+ ukuze ingabi njengezimvu ezingenamalusi indibano kaYehova.”+ 18  Ngoko wathi uYehova kuMoses: “Zithabathele uYoshuwa unyana kaNun, indoda okuyo umoya,+ umbeke isandla;+ 19  yaye uze ummise phambi koEleyazare umbingeleli naphambi kwendibano yonke, ummisele phambi kwamehlo abo.+ 20  Uze uthabathe kwisidima sakho,+ ubeke phezu kwakhe, ukuze imphulaphule yonke indibano yoonyana bakaSirayeli.+ 21  Ke yena uya kuma phambi koEleyazare umbingeleli, aze ambuzele+ ngokugweba kweUrim+ phambi koYehova. Baya kuphuma ngokomyalelo wakhe baze bangene ngokomyalelo wakhe, yena noonyana bonke bakaSirayeli ndawonye naye nendibano yonke.” 22  Wenza ke uMoses kanye njengoko uYehova wamyalelayo. Wamthabatha uYoshuwa, wammisa phambi koEleyazare+ umbingeleli naphambi kwendibano yonke, 23  wambeka izandla waza wammisela,+ kanye njengoko uYehova wathethayo ngoMoses.+

Umbhalo osemazantsi