I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Numeri 25:1-18

25  Ngoku ke uSirayeli wayehlala eShitim.+ Baqala abantu baba neentlobano zokuziphatha okubi neentombi zakwaMowabhi.+  Amabhinqa lawo ababizela abantu emibingelelweni yoothixo bawo,+ badla abantu baza baqubuda koothixo bawo.+  Ngoko uSirayeli wazibandakanya noBhahali wasePehore;+ waza wavutha umsindo kaYehova kuSirayeli.+  Wathi ke ngoko uYehova kuMoses: “Thabatha bonke abaziintloko zabantu uze ubabhence kuYehova+ elangeni, ukuze kubuyiswe ukuvutha komsindo kaYehova kuSirayeli.”  Ngoko wathi uMoses kubagwebi bakwaSirayeli:+ “Ngamnye kuni makabulale+ abantu bakhe abazibandakanyileyo noBhahali wasePehore.”  Kodwa, khangela! kweza ndoda ithile+ yakoonyana bakaSirayeli, yasondeza kubazalwana bayo umfazi womMidiyan+ phambi kwamehlo kaMoses naphambi kwamehlo endibano yonke yoonyana bakaSirayeli, ngoxa babelila emnyangweni wentente yokuhlangana.  Wathi uFinehasi+ unyana kaEleyazare unyana ka-Aron umbingeleli akukubona oko, wasuka ngoko nangoko phakathi kwendibano wathabatha incula ngesandla sakhe.  Wayilandela indoda leyo yakwaSirayeli ukuya ententeni enegumbi elisitheleyo waza wabahlaba bobabini, indoda yakwaSirayeli nomfazi lowo emalungwini akhe enzala. Ngenxa yoko sathintelwa isibetho koonyana bakaSirayeli.+  Yaye abafayo sisibetho baba ngamashumi amabini anesine amawaka.+ 10  Wandula ke uYehova wathetha kuMoses, esithi: 11  “UFinehasi+ unyana kaEleyazare unyana ka-Aron umbingeleli uyibuyisile ingqumbo yam+ koonyana bakaSirayeli ngokungakunyamezeli kwakhe ukusukuzana kwabo nam,+ ukuze ndingabatshabalalisi oonyana bakaSirayeli ngokuzingisa kwam ekufuneni uzinikelo olupheleleyo.+ 12  Ngenxa yeso sizathu uze uthi, ‘Yabona ndimnika umnqophiso wam woxolo. 13  Yaye umele ube ngumnqophiso wobubingeleli bexesha elingenammiselo kuye nakwinzala yakhe emva kwakhe,+ ngenxa yokuba engalunyamezelanga usukuzwano nxamnye noThixo wakhe+ waza wabacamagushela oonyana bakaSirayeli.’”+ 14  Laye ke igama lendoda leyo yomSirayeli yahlatywayo yafa yona kunye nomMidiyanekazi linguZimri unyana kaSalu, isikhulu+ sendlu yooyise bamaSimeyon. 15  Yaye lona igama lomfazi womMidiyan owahlatywayo wafa lalinguKozibhi intombi kaTsure;+ wayeyintloko yezizwana zezindlu zooyise kwaMidiyan.+ 16  Kamva wathetha uYehova kuMoses, esithi: 17  “Wabandezeleni amaMidiyan, niwaxabele,+ 18  ngokuba wona anibandezele ngezenzo zawo zobuqhokolo+ azenzileyo kuni ngobuqhokolo kwisehlo sasePehore+ nakwisehlo sikaKozibhi+ intombi yesikhulu sakwaMidiyan, udade wawo owahlatywayo wafa+ ngomhla wesibetho ngenxa yoko kwenzekayo ePehore.”+

Umbhalo osemazantsi