I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Numeri 20:1-29

20  Bafika oonyana bakaSirayeli, indibano iphela, entlango yaseTsin+ ngenyanga yokuqala, bahlala abantu eKadeshe.+ Wafela khona uMiriyam+ waza wangcwatyelwa khona.  Ke kaloku kwakungekho manzi apho, ngoko ke indibano+ yahlanganisana nxamnye noMoses noAron.+  Baxabana+ abantu noMoses bathi: “Akwaba sasibhubhe ngela xesha lokubhubha kwabazalwana bethu phambi koYehova!+  Yini na ukuba nilingenise ibandla likaYehova kule ntlango ukuze sifele kuyo thina namaqegu ethu?+  Yini na ukuba nisinyuse eYiputa nisizise kule ndawo imbi kangaka?+ Asindawo yambewu namakhiwane namidiliya nazirharnati,+ akukho namanzi la okusela.”  Basuka uMoses noAron phambi kwalo ibandla, baya emnyangweni wentente yokuhlangana, bawa ngobuso,+ baza babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo.+  Wathetha uYehova kuMoses, esithi:  “Thabatha intonga+ uze uyibizele ndawonye indibano, wena noAron umntakwenu, nithethe engxondorheni phambi kwabo ukuba inike amanzi ayo; ubakhuphele amanzi engxondorheni leyo, uyiseze indibano namaqegu abo.”+  Wayithabatha ke uMoses intonga phambi koYehova,+ kanye njengoko wamyalelayo. 10  Emva koko uMoses noAron balibizela ndawonye ibandla phambi kwengxondorha leyo, wathi kubo: “Khanive, nina, bavukeli!+ Sinikhuphele amanzi kule ngxondorha na?”+ 11  Ngoko uMoses wasiphakamisa isandla sakhe waza wayibetha kabini ingxondorha ngentonga yakhe; kwaphuma amanzi amaninzi, yasela indibano namaqegu abo.+ 12  Kamva wathi uYehova kuMoses nakuAron: “Ngenxa yokuba ningabonisanga lukholo kum ukuba nindingcwalise+ emehlweni oonyana bakaSirayeli, ngoko aniyi kulingenisa eli bandla ezweni endibanika lona.”+ 13  Lawo ngamanzi aseMeribha,+ kuba oonyana bakaSirayeli baxabana noYehova, waza wangcwaliswa phakathi kwabo. 14  Emva koko uMoses wathumela abathunywa eKadeshe, baya kuthi kukumkani wakwaEdom:+ “Utsho umzalwana wakho uSirayeli+ ukuthi, ‘Wena uyabazi bonke ubunzima obasifikelayo.+ 15  Yaye behla oobawo baya eYiputa,+ sahlala eYiputa imihla emininzi;+ asiphatha kakubi amaYiputa thina noobawo.+ 16  Ekugqibeleni sadanduluka kuYehova,+ waliva ilizwi lethu, wathumela ingelosi+ yasikhupha eYiputa; naku ke ngoku silapha eKadeshe, isixeko esisekupheleni kommandla wakho. 17  Nceda usivumele, sidlule ezweni lakho. Asiyi kudlula emasimini nasesidiliyeni, asiyi kusela manzi equleni. Siya kuhamba ngendlela yokumkani.+ Asiyi kuphambuka siye ngasekunene okanye ngasekhohlo,+ side sidlule kummandla wakho.’” 18  Noko ke, wathi uEdom kuye: “Uze ungadluli kum, hleze ndiphume ndinekrele, ndikuhlangabeze.” 19  Bathi oonyana bakaSirayeli kuye: “Sonyuka ngohola wendlela; yaye ukuba sithe sasela amanzi akho, mna nemfuyo yam, ngokuqinisekileyo siya kuwahlawulela.+ Andifuni nto ngaphandle kokudlula nje ngeenyawo.”+ 20  Sekunjalo wathi yena: “Uze ungadluli.”+ Watsho waphuma uEdom+ waqubisana naye enabantu abaninzi kakhulu nesandla esomeleleyo. 21  Ngoko wala uEdom ukumvumela uSirayeli ukuba adlule kummandla wakhe.+ Wajika ke uSirayeli wemka kuye.+ 22  Banduluka eKadeshe+ oonyana bakaSirayeli, indibano iphela, beza eNtabeni yeHore.+ 23  Waza wathi uYehova kuMoses nakuAron eNtabeni yeHore emdeni welizwe lakwaEdom: 24  “UAron uya kuhlanganiselwa ebantwini bakowabo,+ ngokuba akayi kungena ezweni endilinika oonyana bakaSirayeli, ngenxa yokuba nawuvukelayo umyalelo wam emanzini aseMeribha.+ 25  Thabatha uAron noEleyazare unyana wakhe ubanyusele eNtabeni yeHore. 26  Uze umhlube uAron izambatho zakhe,+ uzambathise uEleyazare+ unyana wakhe; uAron wohlanganiselwa kwabakowabo, afele apho.”+ 27  Wenza uMoses kanye njengoko uYehova wamyalelayo; banyuka eNtabeni yeHore phambi kwamehlo ayo yonke indibano. 28  UMoses wamhluba uAron izambatho zakhe wazambathisa uEleyazare unyana wakhe, waza wafela khona uAron encotsheni yentaba.+ Bandula ke behla uMoses noEleyazare entabeni. 29  Yabona yonke indibano ukuba uAron ubhubhile, yaza yonke indlu yakwaSirayeli yamlilela uAron iintsuku ezingamashumi amathathu.+

Umbhalo osemazantsi