I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Numeri 2:1-34

2  Wathetha ke uYehova kuMoses nakuAron, esithi:  “Oonyana bakaSirayeli bafanele bazimise iinkampu zabo, ngamnye ngakwisahlulo sezizwe ezithathu zakowabo,+ ngakwimiqondiso yezindlu zooyise. Bafanele bazimise iinkampu zabo zijikeleze ngaphambi kwentente yokuhlangana.  “Kwicala elingasempumalanga kuya kuma inkampu yesahlulo sezizwe ezithathu zakwaYuda ngokwemikhosi yazo, yaye isikhulu soonyana bakaYuda nguNashon+ unyana ka-Aminadabhi.  Umkhosi wakhe nabo babhaliswayo kuwo waba ngamashumi asixhenxe anesine amawaka anamakhulu mathandathu.+  Ecaleni kwakhe kuya kuma inkampu yesizwe sakwaIsakare,+ yaye isikhulu soonyana bakaIsakare nguNetaneli+ unyana kaTsuware.  Umkhosi wakhe nabo bakhe babhaliswayo waba ngamashumi amahlanu anesine amawaka anamakhulu mane.+  Kuze kulandele isizwe sakwaZebhulon; yaye isikhulu soonyana bakaZebhulon nguEliyabhi+ unyana kaHelon.  Umkhosi wakhe nabo bakhe babhaliswayo waba ngamashumi amahlanu anesixhenxe amawaka anamakhulu mane.+  “Bonke ke ababhaliswayo enkampini yakwaYuda balikhulu elinamashumi asibhozo anesithandathu amawaka anamakhulu mane ngokwemikhosi yabo. Bafanele banduluke kuqala bona.+ 10  “Isahlulo sezizwe ezithathu senkampu yakwaRubhen+ soba ngasezantsi ngokwemikhosi yabo, yaye isikhulu soonyana bakaRubhen nguElitsure+ unyana kaShedeyure. 11  Umkhosi wakhe nabo bakhe babhaliswayo waba ngamashumi amane anesithandathu amawaka anamakhulu mahlanu.+ 12  Ecaleni kwakhe kuya kuma inkampu yesizwe sakwaSimeyon, yaye isikhulu soonyana bakaSimeyon nguShelumiyeli+ unyana kaTsurishadayi. 13  Umkhosi wakhe nabo babhaliswayo kuwo waba ngamashumi amahlanu anesithoba amawaka anamakhulu mathathu.+ 14  Nesizwe sakwaGadi; yaye isikhulu soonyana bakaGadi nguEliyasafu+ unyana kaRehuweli. 15  Umkhosi wakhe nabo babhaliswayo kuwo waba ngamashumi amane anesihlanu amawaka anamakhulu mathandathu anamashumi mahlanu.+ 16  “Bonke ke ababhaliswayo enkampini yakwaRubhen balikhulu elinamashumi amahlanu ananye amawaka anamakhulu mane anamashumi mahlanu ngokwemikhosi yabo, yaye bona baya kuba ngabesibini ukunduluka.+ 17  “Ekundulukeni kwentente yokuhlangana,+ iqela labaLevi+ loba phakathi kwamanye amaqela. “Aya kunduluka+ ngokwendlela ezimi ngayo iinkampu zawo, ilelo endaweni yalo, ngokwezahlulo zezizwe ezithathu zakwamawabo. 18  “Isahlulo sezizwe ezithathu senkampu yakwaEfrayim+ soba ngasentshona ngokwemikhosi yabo, yaye isikhulu soonyana bakaEfrayim nguElishama+ unyana ka-Amihudi. 19  Umkhosi wakhe nabo babhaliswayo kuwo waba ngamashumi amane amawaka anamakhulu mahlanu.+ 20  Ecaleni kwakhe yoba sisizwe sakwaManase,+ yaye isikhulu soonyana bakaManase nguGamaliyeli+ unyana kaPedatsure. 21  Umkhosi wakhe nabo babhaliswayo kuwo waba ngamashumi amathathu anesibini amawaka anamakhulu mabini.+ 22  Nesizwe sakwaBhenjamin;+ yaye isikhulu soonyana bakaBhenjamin nguAbhidan+ unyana kaGidiyoni. 23  Umkhosi wakhe nabo babhaliswayo kuwo waba ngamashumi amathathu anesihlanu amawaka anamakhulu mane.+ 24  “Bonke ke ababhaliswayo enkampini yakwaEfrayim balikhulu elinesibhozo lamawaka nekhulu ngokwemikhosi yabo, yaye bona baya kuba ngabesithathu ukunduluka.+ 25  “Isahlulo sezizwe ezithathu senkampu yakwaDan soba ngasentla ngokwemikhosi yabo, yaye isikhulu soonyana bakaDan nguAhiyezere+ unyana ka-Amishadayi. 26  Umkhosi wakhe nabo babhaliswayo kuwo waba ngamashumi amathandathu anesibini amawaka anamakhulu asixhenxe.+ 27  Ecaleni kwakhe kuya kuma inkampu yesizwe sakwa-Ashere, yaye isikhulu soonyana baka-Ashere nguPagiyeli+ unyana kaOkeran. 28  Umkhosi wakhe nabo babhaliswayo kuwo waba ngamashumi amane ananye amawaka anamakhulu mahlanu.+ 29  Kuze kulandele isizwe sakwaNafetali;+ yaye isikhulu soonyana bakaNafetali nguAhira+ unyana kaEnan. 30  Umkhosi wakhe nabo babhaliswayo kubo waba ngamashumi amahlanu anesithathu amawaka anamakhulu mane.+ 31  “Bonke ke ababhaliswayo enkampini yakwaDan balikhulu elinamashumi amahlanu anesixhenxe amawaka anamakhulu mathandathu. Baya kuba ngabokugqibela ukunduluka+—ngokwezahlulo zezizwe ezithathu zakwamawabo.” 32  Ngabo ke abo ababhaliswayo koonyana bakaSirayeli ngokwezindlu zooyise; bonke ababhaliswayo enkampini ngokwemikhosi yabo baba ngamakhulu amathandathu anesithathu amawaka anamakhulu mahlanu anamashumi mahlanu.+ 33  Kodwa bona abaLevi ababhaliswanga+ phakathi koonyana bakaSirayeli, kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses. 34  Benza ke oonyana bakaSirayeli ngako konke uYehova awamyalela kona uMoses.+ Benjenjalo ukumisa iinkampu ngokwezahlulo zezizwe ezithathu zakwamawabo,+ benjenjalo nokunduluka kwabo,+ elowo ngokwentsapho yakhe ngokwezindlu zooyise.

Umbhalo osemazantsi