I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Numeri 17:1-13

17  Wathetha uYehova kuMoses, esithi:  “Thetha koonyana bakaSirayeli uze uthabathe kubo intonga ibe nye+ kwindlu nganye yooyise kwizikhulu zabo zonke,+ ngokwezindlu zooyise, iintonga ezilishumi elinesibini. Uze ubhale igama lakhe ngamnye entongeni yakhe.  Wobhala igama lika-Aron entongeni yakwaLevi, kuba yoba nye intonga yentloko yendlu yooyise.  Uze uzibeke ententeni yokuhlangana phambi kweSingqino,+ apho ndizibonakalisa+ khona kuni rhoqo.  Kothi indoda endinyule yona,+ intonga yayo imile amathupha, ndikudambise ngokuqinisekileyo ukumbombozela+ koonyana bakaSirayeli, abanimbombozelela ngako.”+  Wathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli, zaza zonke izikhulu zabo zamnika intonga yesikhulu ngasinye, intonga yesikhulu ngasinye, ngokwezindlu zooyise, zalishumi elinesibini iintonga;+ nentonga ka-Aron yayiphakathi kweentonga zazo.+  Wazibeka uMoses iintonga ezo phambi koYehova ententeni yeSingqino.+  Kwathi ngengomso akungena uMoses ententeni yeSingqino, khangela! intonga ka-Aron wendlu kaLevi isuke yadubula, yamila amathupha yaza yavelisa iintyatyambo neeamangile ezivuthiweyo.  Waphuma ke uMoses neentonga ezo zaziphambi koYehova weza nazo koonyana bonke bakaSirayeli, bakhangela baza bathabatha ndoda nganye intonga yayo. 10  Wathi ke ngoko uYehova kuMoses: “Yibuyisele intonga ka-Aron+ phambi kweSingqino ukuze igcinwe njengomqondiso+ koonyana bemvukelo,+ kuze kupheliswe ukundimbombozelela kwabo, ukuze bangafi.” 11  Ngoko nangoko wenza ke uMoses kanye njengoko uYehova wamyalelayo. Wenza kanye njengoko. 12  Bathi oonyana bakaSirayeli kuMoses: “Makube ke siza kubhubha xa kunjalo, sitshabalale, nakanjani na siza kutshabalala sonke.+ 13  Nabani na osondelayo+ emnqubeni kaYehova, uya kufa!+ Ngaba simele sibhubhe ngaloo ndlela na?”+

Umbhalo osemazantsi