I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Numeri 12:1-16

12  Ke kaloku uMiriyam noAron bathetha nxamnye noMoses ngenxa yomfazi womKushe awayemthabathile, kuba wayethabathe umfazi womKushe.+  Bathi: “UYehova uthethe ngoMoses yedwa na? Akathethanga nangathi na?”+ Yaye wayephulaphule uYehova.+  Ke indoda leyo inguMoses yayiyeyona ilulamileyo+ kubantu bonke ababephezu komhlaba.  Wathetha uYehova ngequbuliso kuMoses nakuAron nakuMiriyam esithi: “Phumani, nina nobathathu, niye ententeni yokuhlangana.” Ngoko baphuma bobathathu.  Emva koko wehla uYehova ngomqulu welifu,+ wema esangweni lentente waza wabiza uAron noMiriyam. Baphuma bobabini.  Waqhubeka wathi: “Khanive amazwi am. Ukuba nithe nanomprofeti kaYehova, ndozazisa kuye ngombono.+ Ndithethe kuye ephupheni.+  Akunjalo ngomkhonzi wam uMoses!+ Uphathiswe yonke indlu yam.+  Ndithetha naye umlomo ngomlomo,+ ngokubonakalayo, kungekhona ngamaqhina;+ ayibone yena imbonakalo kaYehova.+ Yini na, ke, ukuba ningoyiki ukuthetha nxamnye nomkhonzi wam, nxamnye noMoses?”+  Wavutha umsindo kaYehova kubo, wabashiya. 10  Lemka ilifu phezu kwentente, yaye, khangela! uMiriyam ubethwe ngeqhenqa wamhlophe njengekhephu.+ UAron wajika wajonga ngakuMiriyam, yaye, khangela! ubethwe ngeqhenqa.+ 11  Ngoko nangoko wathi uAron kuMoses: “Ngxe, nkosi yam! Nceda ungasibaleli kuthi esi sono sisenzileyo ngobudenge!+ 12  Nceda, ungamyeki abe njengofileyo,+ othi ekuphumeni kwakhe esibelekweni sikanina abe sel’ edlekile isiqingatha senyama yakhe!” 13  Wadanduluka uMoses kuYehova, esithi: “Owu Thixo, khawuncede! Nceda, mphilise!”+ 14  Wathi ke uYehova kuMoses: “Ukuba uyise ebemtshicele+ ebusweni, ebengayi kuthotywa na iintsuku ezisixhenxe? Makavalelwe+ yedwa iintsuku ezisixhenxe ngaphandle kwenkampu,+ aze emva koko amkelelwe ngaphakathi.”+ 15  Wavalelwa yedwa ke uMiriyam ngaphandle kwenkampu iintsuku ezisixhenxe,+ abanduluka abantu wada wamkelelwa ngaphakathi uMiriyam. 16  Emva koko banduluka abantu eHatseroti+ baya kumisa iinkampu entlango yaseParan.+

Umbhalo osemazantsi