I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Nehemiya 6:1-19

6  Ke kaloku kwathi, kamsinya nje akuxelelwa uSanebhalati+ noTobhiya+ noGeshem+ umArabhiya+ nezinye iintshaba zethu ukuba ndibuye ndalwakha udonga+ nokuba akusalanga thuba (nangona kude kube ngelo xesha iingcango+ ndandingekazifaki emasangweni),+  ngoko nangoko uSanebhalati noGeshem bathumela kum, besithi: “Yiza, senze idinga lokuhlangana+ ndawonye kwiidolophana zethafa elisentlanjeni yaseOno.”+ Kodwa babeceba ukundenzakalisa.+  Ngoko ndathumela abathunywa kubo,+ ndisithi: “Mkhulu lo msebenzi ndiwenzayo,+ yaye andinako ukuhlala. Kutheni ndifanele ndiyeke umsebenzi ukuze ndihle ndize kuni?”+  Noko ke, bandithumelela ilizwi elifanayo izihlandlo ezine, yaye ndaqhubeka ndibaphendula ngelizwi elifanayo.  Ekugqibeleni uSanebhalati+ wathumela umlindi wakhe kum ngelizwi elifanayo isihlandlo sesihlanu, ephethe incwadi evulekileyo ngesandla sakhe.  Kuyo kwakubhalwe kwathiwa: “Kuvakele ezintlangeni, noGeshem+ utsho, ukuba wena namaYuda niceba ukuvukela.+ Yiyo loo nto nisakha udonga; yaye wena ungukumkani wabo,+ ngokwala mazwi.  Yaye kukho kwanabaprofeti obamiseleyo ukuba bamemeze ngawe kuyo yonke iYerusalem, besithi, ‘Kukho ukumkani kwaYuda!’ Ke kaloku izinto ezifana nezi ziya kuxelelwa ukumkani. Ngoko yiza, sibhunge kunye.”+  Noko ke, ndamthumelela, ndisithi: “Izinto ezinjengezi uzithethayo azenzekanga,+ kodwa ziyilwa nguwe entliziyweni yakho.”+  Kuba bonke babezama ukusoyikisa, besithi: “Izandla zabo+ ziya kuwa emsebenzini ukuze ungenziwa.” Kodwa ngoku yomeleza izandla zam.+ 10  Mna ndangena endlwini kaShemaya unyana kaDelaya unyana kaMehetabheli ngoxa wayevalelwe.+ Kwaye wathi: “Masenze idinga+ lokuhlangana endlwini yoTHIXO oyinyaniso, ngaphakathi etempileni;+ size sizivale iingcango zetempile; kuba bangenela ukuza kukubulala, kwanasebusuku+ bangenela ukuza kukubulala.” 11  Kodwa ndathi: “Ngaba umntu onjengam ufanele abaleke?+ Yaye ngubani na onjengam onokungena etempileni aze aphile?+ Andiyi kungena!” 12  Ngoko ndahlola, yaye yabona wayengathunywanga nguThixo,+ kodwa wayethethe+ esi siprofeto nxamnye nam njengoko wayeqeshwe+ nguTobhiya noSanebhalati.+ 13  Wayeqeshwe+ ngenxa yesi sizathu ukuze ndoyike+ ndenze ngaloo ndlela, ndize ngokuqinisekileyo ndone,+ ndibe negama elibi kubo,+ ukuze bandingcikive.+ 14  Bakhumbule,+ Thixo wam, ooTobhiya+ noSanebhalati, ngokuvumelana nezi zenzo zakhe ngamnye, kwanoNowadiya umprofetikazi nabanye abaprofeti+ ababezama ukundoyikisa ngokuqhubekayo. 15  Ekugqibeleni lwagqitywa udonga+ ngosuku lweshumi elinesihlanu lukaEluli, ngeentsuku ezingamashumi amahlanu anesibini. 16  Kwathi kamsinya nje zakukuva iintshaba zethu+ oko neentlanga zonke ezazisijikelezile zakubona oko, kwaoko zoyika kakhulu, zazi ukuba kuvele kuThixo wethu+ ukwenziwa kwalo msebenzi. 17  Ngaloo mihla kwanezidwangube+ zakwaYuda zazandisa iincwadi zazo ezazisiya kuTobhiya+ nezikaTobhiya ezazisiza kubo. 18  Kuba babebaninzi kwaYuda ababemfungele, kuba wayengumkhwenyana kaShekaniya unyana ka-Arahi;+ noYehohanan unyana wakhe wayethabathe intombi kaMeshulam+ unyana kaBherekiya. 19  Babeqhubeka bethetha izinto ezilungileyo ngaye phambi kwam.+ Nawam amazwi babeqhubeka bewasa kuye. Kukho iincwadi ezazithunyelwa nguTobhiya ukundoyikisa.+

Umbhalo osemazantsi