I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Nehemiya 5:1-19

5  Noko ke, kwabakho isikhalo esikhulu+ sabantu nabafazi babo nxamnye nabazalwana babo abangamaYuda.+  Yaye kwakukho abo babesithi: “Sinikela ngoonyana bethu neentombi zethu njengesibambiso ukuze sifumane ukudla okuziinkozo sidle size sihlale siphila.”+  Yaye kwakukho abo babesithi: “Sinikela+ ngamasimi ethu nezidiliya zethu nezindlu zethu ukuze sifumane ukudla okuziinkozo ngexesha lokunqongophala kokutya.”  Yaye kwakukho abo babesithi: “Siboleke imali yonikelo lukakumkani+ ngenxa yamasimi ethu nezidiliya zethu.+  Kwaye ngoku inyama yethu iyafana nenyama yabazalwana bethu;+ oonyana bethu bayafana noonyana babo, kodwa yabona oonyana bethu neentombi zethu sibenza amakhoboka,+ kwaye sezikhona iintombi zethu esele zingawo; yaye akukho mandla ezandleni zethu ngoxa amasimi ethu nezidiliya zethu izezabanye.”  Ke kaloku ndaba nomsindo kakhulu kamsinya nje ndakuba ndisivile isikhalo sabo nala mazwi.  Ndakunikela ingqalelo oku ngentliziyo yam, yaye ndazihlaba amadlala+ izidwangube namasekela-baphathi, ndaza ndahlabela mgama ndathi kuzo: “Nibiza inzuzo enkulu,+ ngamnye kumzalwana wakhe.” Ngaphezu koko, ndalungiselela indibano enkulu ngenxa yabo.+  Ndaza ndathi kubo: “Thina ngokwethu siye sabathenga kwakhona+ abazalwana bethu abangamaYuda ababethengiswe ezintlangeni, kangangoko kusemandleni ethu; yaye kwangaxeshanye niya kubathengisa na abazalwana benu,+ yaye bamele bathengiswe kuthi na?” Abazange bathethe, bengazange bafumane lizwi.+  Kwaye ndahlabela mgama ndathi: “Le nto niyenzayo ayilunganga.+ Anifanelanga kuhamba ngokoyika+ uThixo wethu+ na ngenxa yongcikivo+ lweentlanga, eziziintshaba zethu?+ 10  Yaye mna, abazalwana bam nabalindi bam sibolekisa ngemali nokudla okuziinkozo phakathi kwabo. Masincede, sikuyeke oku kubolekisa ngenzala.+ 11  Ncedani, nibabuyisele ngalo mhla amasimi abo,+ izidiliya zabo, igcume labo lomnquma nezindlu zabo, nesahlulo sekhulu semali nesokudla okuziinkozo, iwayini entsha neoli ebeniyibiza kubo njengenzala.” 12  Bona bathi: “Siza kuzibuyisela,+ yaye kubo asiyi kubiza nto.+ Siza kwenza kanye njengokutsho kwakho.”+ Ngoko ndabiza ababingeleli ndaza ndabafungisa ukwenza ngokuvumelana neli lizwi.+ 13  Ndasivuthulula isifuba sam ndathi: “Wanga uTHIXO oyinyaniso angamvuthulula ngolu hlobo endlwini yakhe wonke umntu ongaliphumeziyo eli lizwi; yaye kwanga angavuthululwa ngolu hlobo angabi nanto.” Lonke ibandla lathi: “Amen!”+ Yaye baqalisa ukumdumisa uYehova.+ Nabantu benza ngokuvisisana neli lizwi.+ 14  Enye into: Ukususela ngemini awandimisela ngayo ukuba ndibe yirhuluneli yabo+ kwilizwe lakwaYuda, ukususela kunyaka wamashumi amabini+ ukusa kunyaka wamashumi amathathu anesibini+ ka-Artashashta+ ukumkani, iminyaka elishumi elinesibini, mna nabazalwana bam asizange sisidle isonka serhuluneli.+ 15  Ke zona ezinye iirhuluneli ezazingaphambi kwam, zazibenzela ubunzima abantu, yaye zaziqhubeka zithabatha kubo amashumi amane eeshekele zesilivere ukwenzela isonka newayini. Abalindi babo babebalawula abantu.+ Ke mna, andizange ndenze ngaloo ndlela+ ngenxa yokoyika uThixo.+ 16  Ngaphezu koko, ndafak’ isandla kumsebenzi wolu donga,+ kwaye asizange sizuze ntsimi;+ yaye bonke abalindi bam babeqokelelene ndawonye emsebenzini. 17  Yaye amaYuda namasekela-baphathi, amadoda alikhulu elinamashumi amahlanu, nabo babengena kuthi bevela ezintlangeni ezisijikelezileyo babesetafileni yam.+ 18  Ke yona into eyayilungiswa mihla le, yinkunzi yenkomo enye, izimvu ezikhethiweyo ezintandathu neentaka zazilungiselelwa mna, kulungiswe lonke uhlobo lwewayini+ eninzi kube kanye ngeentsuku ezilishumi. Kunye noku andizange ndisifune isonka serhuluneli, ngenxa yokuba inkonzo yesi sizwana yayinzima. 19  Kukhumbule,+ Thixo wam, konke ukulunga+ endikwenzileyo ngenxa yesi sizwana.+

Umbhalo osemazantsi