I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Nehemiya 1:1-11

1  Amazwi kaNehemiya+ unyana kaHakaliya: Ke kaloku ngenyanga enguKislevu,+ ngonyaka wamashumi amabini,+ ndandikwinqaba iShushan.+  Kwaza kwafika uHanani,+ omnye wabazalwana bam, yena namanye amadoda akwaYuda, yaye ndababuza+ ngamaYuda,+ lawo ayesindile,+ awayesele ekuthinjweni,+ nangeYerusalem.  Ngako oko bathi kum: “Lawo ayesindile, awayesele ekuthinjweni, kwiphondo,+ akwishwangusha elikhulu+ nakungcikivo;+ yaye udonga+ lwaseYerusalem ludiliziwe, namasango+ ayo atshiswe ngomlilo.”  Kwathi kamsinya nje ndakuba ndiwevile la mazwi, ndahlala phantsi ndaza ndaqalisa ukulila nokuzila kangangeentsuku, ndazila ukutya+ ndaza ndathandaza ngokuqhubekayo phambi koTHIXO wamazulu.+  Kwaye ndahlabela mgama ndathi: “Awu, Yehova THIXO wamazulu, THIXO omkhulu nowoyikekayo,+ ogcina umnqophiso+ nobubele bothando kwabo bamthandayo+ nabagcina imiyalelo yakhe,+  nceda, indlebe yakho mayiphulaphule+ namehlo akho makavuleke, ukuba uphulaphule umthandazo womkhonzi wakho,+ endiwuthandazayo phambi kwakho namhlanje, imini nobusuku,+ ngokuphathelele oonyana bakaSirayeli abakhonzi bakho, ndisenza novumo+ ngokuphathelele izono+ zoonyana bakaSirayeli esikone ngazo. Sonile, mna nendlu kabawo.+  Sonakalisile ngokuqinisekileyo nxamnye nawe+ kwaye asiyigcinanga imiyalelo+ nemimiselo+ nezigwebo+ owazinikela njengomyalelo kuMoses umkhonzi wakho.+  “Nceda, khumbula+ ilizwi owayalela ngalo uMoses umkhonzi wakho, usithi, ‘Ukuba nithe nenza ngokungathembeki, mna ndiya kunichithachitha phakathi kwezizwana.+  Nakuba nibuyele kum+ naza nagcina imiyalelo yam+ nayenza,+ nangona abantu benu abasasazekileyo beya kuba besesiphelweni samazulu, ndiya kubaqokelela+ apho ndize ngokuqinisekileyo ndibazise+ kwindawo endiyikhethileyo ukuze ndilihlalise kuyo igama lam.’+ 10  Yaye bangabakhonzi bakho+ nabantu bakho,+ owabakhulula ngamandla akho amakhulu+ nangesandla sakho esomeleleyo.+ 11  Awu, Yehova, nceda, indlebe yakho mayiwuphulaphule umthandazo womkhonzi wakho nomthandazo+ wabakhonzi bakho abayoliswayo kukoyika igama lakho;+ kwaye, nceda, mnike impumelelo umkhonzi wakho namhlanje+ uze umenze asizeleke phambi kwale ndoda.”+ Ke kaloku ndandingumngcamli+ kakumkani.

Umbhalo osemazantsi