I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Nahum 2:1-13

2  Lowo uchithachithayo uye weza phambi kobuso bakho.+ Makulondolozwe indawo enqatyisiweyo. Yilinde indlela. Yomeleza amanqe. Waqinise kakhulu amandla.+  Kuba uYehova ngokuqinisekileyo uya kulihlanganisa iqhayiya likaYakobi,+ njengeqhayiya likaSirayeli, ngenxa yokuba abo baqongqothayo babaqongqothile;+ yaye amahlumelo abo bawonakalisile.+  Ikhaka lamadoda akhe anamandla lidaywe labomvu; amadoda akhe anamandla ambethe ezibomvu ngokungqombela.+ Ngemini yokuzilungisa kwakhe inqwelo yokulwa iya kuphuma ineentsimbi nezixhobo ezimenyezela okomlilo, nemikhonto yomthi wejunipha+ iye yashukuma.  Iinqwelo zokulwa zihlala zidlongozela ezitratweni.+ Zihla zinyuka kwiindawo zembutho. Imbonakalo yazo injengezikhuni zomlilo. Zitshawuza okombane.+  Uya kubakhumbula abakhe abaziingangamsha.+ Baya kukhubeka xa behamba.+ Baya kungxama baye eludongeni lwayo, yaye kuya kufuneka lumiswe ngokuqinileyo udonga lwayo lokuthintela.  Amasango omlambo aya kuvulwa ngokuqinisekileyo, kwaye nebhotwe liya kubhangiswa.  Yaye kumiselwe oku; iye yatyhilwa; ngokuqinisekileyo iya kuthwalelwa kude,+ yaye amakhobokazana ayo aya kudumzela, njengesandi samahobe,+ ezibetha ngokuphindaphindiweyo ezintliziyweni.+  Kwaye iNineve, ukususela kwimini yobukho bayo,+ yayinjengechibi lamanzi;+ kodwa bayasaba. “Yimani ngxi! Yimani ngxi!” Kodwa akukho namnye ujikayo.+  Phangani isilivere; phangani igolide;+ njengoko kungekho mda kwizinto ezilungelelanisiweyo. Kukho isixa esikhulu sazo zonke iintlobo zempahla enqwenelekayo.+ 10  Basitsho salambatha, saba lilize isixeko, saba senkangala!+ Zanyibilika iintliziyo,+ agexa amadolo,+ zabongamela iintlungu;+ bambatsha ubuso babo bonke.+ 11  Siphi isikhundla seengonyama, nomqolomba weengonyama ezintsha ezinesingci, apho ingonyama yayihamba ingene khona,+ apho ithole lengonyama lalikhona, yaye kwakungekho bani ubenza bangcangcazele?+ 12  Ingonyama yayiqwenga okwanele amathole ayo, kwaye yayikrwitshela iimazi zayo zeengonyama. Yaye imingxuma yayo yayigcina izele ngamaxhoba kwaye iindawo zayo zokuzimela zizele zizilwanyana eziqwengiweyo.+ 13  “Khangela! Ndinxamnye nawe,” utsho uYehova wemikhosi,+ “yaye ndiya kuyitshisa emsini inqwelo yayo yokulwa.+ Yaye ikrele liya kuziqwenga iingonyama zakho ezintsha ezinesingci.+ Kwaye ndiya kulinqumla emhlabeni ixhoba lakho, yaye aliyi kuphinde liviwe ilizwi labathunywa bakho.”+

Umbhalo osemazantsi