Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Nah 1:1-15

1  Isibhengezo nxamnye neNineve:+ Incwadi yombono kaNahum umElekoshe:  UYehova nguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo+ nophindezelayo; yekaYehova impindezelo+ nengqumbo.+ UYehova uyaziphindezela kwiintshaba zakhe,+ yaye uyazicaphukela iintshaba zakhe.+  UYehova uzeka kade umsindo+ yaye unamandla kakhulu,+ kwaye uYehova akayi kurhoxa ekohlwayeni.+ Indlela yakhe isemoyeni otshabalalisayo nasesiphangweni, yaye ingqimba yelifu ngumgubo weenyawo zakhe.+  Ukhalimela ulwandle,+ yaye uyalomisa; kwaye yonke imilambo uyayomisa.+ IBhashan neKarmele zibunile,+ neentyatyambo zaseLebhanon zibunile.  Iintaba zinyikimile ngenxa yakhe, neenduli ziyanyibilika.+ Yaye umhlaba uya kufukuka ngenxa yobuso bakhe; nelizwe elinemveliso, nabo bonke abahlala kulo.+  Ngubani na onokuma phambi kwesiqalekiso sakhe?+ Yaye ngubani na onokuphakama nxamnye nobushushu bomsindo wakhe?+ Umsindo wakhe ngokuqinisekileyo uya kuphalazwa njengomlilo,+ namawa aya kudilika ngenxa yakhe.  UYehova ulungile,+ uligwiba+ ngemini yokubandezeleka.+ Yaye uyabazi abo bafuna kuye indawo yokusabela.+  Kwaye uya kuyitshabalalisa kuthi tu indawo yayo+ ngomkhukula odlulayo, ubumnyama buzisukele iintshaba zakhe.+  Yintoni na eniya kuyicinga nxamnye noYehova?+ Utshabalalisa kuthi tu. Akuyi kuvuka ukubandezeleka isihlandlo sesibini.+ 10  Nangona bephinyelene njengameva+ yaye benxile ngokungathi banxiliswe butywala bengqolowa,+ ngokuqinisekileyo baya kuqwengwa njengeendiza ezome ngokupheleleyo.+ 11  Kuwe kuya kuphuma ocinga okubi ngoYehova,+ ecebisa oko kungafanelekanga.+ 12  Utsho uYehova ukuthi: “Nangona babekwimo epheleleyo kwaye bebaninzi, kwanakuloo mo bamele bagawulwe;+ ibe ubani umele adlule. Yaye ngokuqinisekileyo ndiya kukuxhwalekisa, khon’ ukuze ndingaphinde ndikuxhwalekise kwakhona.+ 13  Ke kaloku ndiya kusaphula isibonda sakhe sokuthwala esikuwe,+ nezibopho ezikuwe ndiya kuziqhawula kubini.+ 14  Yaye ngokuphathelele wena uYehova uyalele wathi, ‘Akuyi kuphinde kuhlwayelwe nantoni na yegama lakho kwakhona.+ Ndiya kuwunqumla umfanekiso oqingqiweyo nomfanekiso otyhidiweyo endlwini yoothixo bakho.+ Ndiya kukwenzela indawo oya kungcwatywa kuyo,+ ngenxa yokuba uye akwaba nto yanto.’ 15  “Khangela! Iinyawo zalowo uzisa iindaba ezilungileyo ezintabeni, lowo uvakalisa uxolo.+ Owu Yuda, bhiyozela imithendeleko yakho.+ Fezekisa izibhambathiso zakho;+ ngenxa yokuba akuyi kuphinde kudlule kuwe umntu olitshivela kwakhona.+ Uya kunqunyulwa ngokupheleleyo.”+

Umbhalo osemazantsi