I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Mika 7:1-20

7  Yeha ke mna,+ kuba ndiye ndanjengokuhlanganiswa kwesiqhamo sasehlotyeni, njengokubhikicwa kweediliya!+ Akukho sihloko seediliya sokudliwa, akukho khiwane lasekuqaleni, nto leyo umphefumlo wam ubuya kuyinqwenela!+  Onyanisekileyo utshabalele emhlabeni, naphakathi koluntu akukho uthe tye.+ Bonke, balalele ukuphalaza igazi.+ Bayazingela, wonk’ ubani umntakwabo, ngomnatha orhuqwayo.+  Izandla zabo ziphezu kobubi, ukuba bakwenze kakuhle;+ inkosana icela okuthile, nogwebayo wenjenjalo ngomvuzo,+ nomkhulu uthetha okunqwenelwa ngumphefumlo wakhe, owakhe kanye;+ benjenjalo ke ukuyiphotha.  Oyena ulungileyo wabo unjengekhakakhaka, oyena uthe tye kubo mbi kunothango lwameva.+ Imele ifike imini yabalindi bakho, yokunikelwa kwakho ingqalelo.+ Ngoku kuya kubakho ukuqungaqungwa kwabo.+  Musa ukukholwa liqabane lakho. Musa ukukholosa ngumhlobo osenyongweni.+ Nakulowo olala esifubeni sakho kulinde ukuvuleka komlomo wakho.+  Kuba unyana udelela uyise; intombi ivukela unina;+ umolokazana nxamnye noninazala;+ iintshaba zomntu ngabantu bendlu yakhe.+  Kodwa mna ke, ndiza kuhlala ndikhangele kuYehova.+ Ndiza kubonisa isimo sengqondo sokulindela kuThixo wosindiso lwam.+ UThixo wam uya kundiva.+  Musa ukuba nemihlali ngam, mfazindini olutshaba lwam.+ Nangona ndiwile, ngokuqinisekileyo ndiya kuvuka;+ nangona ndihlala ebumnyameni,+ uYehova uya kuba kukukhanya kwam.+  Umsindo kaYehova ndiya kuwuthwala—kuba ndimonile+—de achophele ityala lam aze okunene aphumeze okusesikweni ngenxa yam.+ Uya kundizisa ekukhanyeni; ndiya kukhangela ebulungiseni bakhe.+ 10  Notshaba lwam luya kubona, lugutyungelwe lihlazo,+ olwalusithi kum: “Uphi na, uYehova uThixo wakho?”+ Amehlo am aya kukhangela kulo.+ Ke kaloku luya kuba yindawo yokunyathelwa, njengodaka lwezitrato.+ 11  Imini yokwakhiwa kweendonga zakho zamatye, ngaloo mini ummiselo uya kuba kude.+ 12  Ngaloo mini baya kuza kuwe bevela naseAsiriya nakwizixeko zaseYiputa, ukususela eYiputa ukuya kutsho kuwo uMlambo;+ nokususela elwandle ukusa elwandle, nokususela entabeni ukusa entabeni.+ 13  Ilizwe limele libe yinkangala ephanzileyo ngenxa yabemi balo, ngenxa yesiqhamo sezenzo zabo.+ 14  Yalusa abantu bakho ngomsimelelo wakho,+ umhlambi welifa lakho, lowo ubuhlala wodwa ehlathini—phakathi kwebhoma.+ Mayidle eBhashan naseGiliyadi+ njengakwimihla yexesha lakudala.+ 15  “Njengakwimihla yokuphuma kwakho kwilizwe laseYiputa ndiya kumbonisa izinto ezimangalisayo.+ 16  Iintlanga ziya kubona zize zibe neentloni ngamandla azo onke.+ Ziya kubeka isandla emlonyeni;+ zona kanye iindlebe zazo aziyi kuva. 17  Ziya kukhotha uthuli njengeenyoka;+ njengezirhubuluzi zomhlaba ziya kuphuma ziphazamisekile kwiindonga zokuzikhusela.+ Ziya kuza kuYehova uThixo wethu zigubha, yaye ziya kukoyika.”+ 18  Ngubani na onguThixo onjengawe,+ oxolela isiphoso nodlulayo ekunxaxheni+ kwentsalela yelifa lakhe?+ Ngokuqinisekileyo akayi kubambelela kumsindo wakhe ngonaphakade, kuba uyoliswa bububele bothando.+ 19  Uya kusenzela inceba kwakhona;+ uya kuzinyathelela phantsi iziphoso zethu.+ Kwaye uya kuziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zabo.+ 20  Uya kumnika inyaniso uYakobi, umnike ububele bothando uAbraham, obo wabufungela ookhokho bethu ukususela kwimihla yakudala.+

Umbhalo osemazantsi