Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Mika 5:1-15

5  “Ngesi sihlandlo uyazicenta,+ wena ntombi engenelwayo; usingqingile.+ Baya kumbetha ngentonga esidleleni umgwebi wakwaSirayeli.+  “Nawe, Bhetelehem Efrata,+ wena umncinane gqitha ukuba ube phakathi kwamawaka akwaYuda,+ kuwe+ ndiya kuphunyelwa ngulowo uza kuba ngumlawuli wakwaSirayeli,+ omvelaphi yakhe isusela kumaxesha angaphambili, ukususela kwimihla yexesha elingenammiselo.+  “Ngoko ke uya kubanikela+ de kube lixesha lokuba lowo uzalayo okunene azale.+ Nabanye babantakwabo baya kubuyela koonyana bakaSirayeli.  “Ngokuqinisekileyo uya kuma aze aluse ngamandla kaYehova,+ ngokongama kwegama likaYehova uThixo wakhe.+ Kwaye ngokuqinisekileyo baya kuhlala,+ kuba ngoku uya kuba mkhulu ukuya kufikelela kwiziphelo zomhlaba.+  Lo umele abe luxolo.+ Yena ke umAsiriya, xa engena kwilizwe lethu naxa enyathela iinqaba zethu zokuhlala,+ kuya kufuneka simvusele abalusi abasixhenxe, ewe, iindwalutho ezisibhozo eluntwini.  Okunene baya kulalusa ilizwe laseAsiriya ngekrele,+ nelizwe likaNimrodi+ emasangweni alo. Yaye ngokuqinisekileyo uya kusihlangula kumAsiriya,+ xa engena kwilizwe lethu naxa enyathela kummandla wethu.  “Nabaseleyo kwaYakobi+ bamele babe phakathi kwezizwana ezininzi njengombethe ovela kuYehova,+ njengomvumbi phezu kotyani,+ obungathembele mntwini okanye bulindele koonyana bomntu wasemhlabeni.+  Nabaseleyo bakwaYakobi bamele phakathi kweentlanga, phakathi kwezizwana ezininzi, babe njengengonyama phakathi kwezilo zehlathi, njengengonyama entsha enesingci phakathi kwemihlambi yezimvu, ethi, xa okunene idlula, ngokuqinisekileyo inyathele yaye iqwenge;+ kungabikho mhlanguli.  Isandla sakho siya kuphakama phezu kwabachasi bakho,+ nazo zonke iintshaba zakho ziya kunqunyulwa.”+ 10  “Kuya kuthi ngaloo mini,” utsho uYehova, “ndinqumle amahashe akho phakathi kwakho ndize nditshabalalise iinqwelo zakho.+ 11  Ndiza kuzinqumla izixeko zelizwe lakho ndize ndizichithe zonke iindawo zakho ezinqatyisiweyo.+ 12  Ndiza kunqumla ukukhafula esandleni sakho, yaye akukho baqheliseli bomlingo uya kuqhubeka unabo.+ 13  Ndiza kuyinqumla imifanekiso yakho eqingqiweyo neentsika zakho phakathi kwakho, yaye akuyi kuphinda uqubude kumsebenzi wezandla zakho.+ 14  Ndiza kuzincothula izibonda zakho ezingcwele+ phakathi kwakho ndize ndizibhubhise izixeko zakho. 15  Ndiza kuphumeza impindezelo ndinomsindo nobushushu kwiintlanga ezingathobeliyo.”+

Umbhalo osemazantsi