I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Mika 3:1-12

3  Ndathi: “Khanincede, nive, nina zintloko zakwaYakobi nani baphathi bendlu kaSirayeli.+ Asikokwenu na ukwazi okusesikweni?+  Nina bathiyi bokulungileyo+ nabathandi bobubi,+ nihlinza ulusu lwabantu nenyama yabo emathanjeni abo;+  nina badle nenyama yabantu bam,+ nibahlube nolusu olu lwabo, namathambo abo nawakroboza aziingceba, nabatyumza baziingceba njengento esembizeni emlomo ubanzi nanjengenyama phakathi embizeni yokupheka.+  Ngelo xesha baya kumemeza kuYehova becela uncedo, kodwa akayi kubaphendula.+ Uya kubufihla ubuso bakhe kubo ngelo xesha,+ ngenxa yobubi ababenzileyo.+  “Utsho uYehova nxamnye nabaprofeti ababangela abantu bam babhadule,+ abaluma ngamazinyo abo+ baze okunene bamemeze bathi, ‘Uxolo!’+ abathi, xa nabani na engafaki nto emilonyeni yabo, okunene bamngcwalisele imfazwe, ukuthi,+  ‘Ngoko ke niya kuba nobusuku,+ ukuze kungabikho mbono;+ niya kuba nobumnyama, ukuze ningavumisi. Nelanga ngokuqinisekileyo liya kutshona kubaprofeti, nemini ibe mnyama kubo.+  Iimboni+ ziya kuba neentloni,+ nabavumisi+ ngokuqinisekileyo baya kudana. Baya kugqubuthela amabhovu+ bonke, kuba akukho mpendulo ivela kuThixo.’”+  Yaye, kwelinye icala, mna ndizele ngamandla, ngomoya kaYehova, nowokusesikweni nowamandla,+ ukuze ndimxelele uYakobi imvukelo yakhe noSirayeli isono sakhe.+  Khanincede, nive oku, nina zintloko zendlu kaYakobi nani baphathi bendlu kaSirayeli,+ abo bakucekisayo okusesikweni nabo benza yonk’ into ethe tye ibe gwenxa;+ 10  abakha iZiyon ngezenzo zophalazo-gazi neYerusalem ngentswela-bulungisa.+ 11  Abo baziintloko zayo bagweba nje ngenxa yokunyotywa,+ nababingeleli bayo bayalela nje ngenxa yexabiso,+ nabaprofeti bakhe bavumisa nje ngenxa yemali;+ kanti bazixhasa ngoYehova, besithi: “Akakho phakathi kwethu na uYehova?+ Asiyi kufikelwa ntlekele.”+ 12  Ngoko ke ngenxa yenu iZiyon iya kulinywa njengentsimi nje, neYerusalem iya kuba yimfumba nje yamanxuwa,+ nentaba yendlu iya kuba njengeendawo eziphakamileyo zehlathi.

Umbhalo osemazantsi