I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Mika 2:1-13

2  “Yeha abo baceba okwenzakalisayo, nabo baqhelisela ububi, kwiimandlalo zabo!+ Ngokukhanya kwakusasa bakwenze,+ ngenxa yokuba kusemandleni esandla sabo.+  Banqwenele amasimi baza bawahlutha; nezindlu, baza bazithabatha;+ yaye baqhathe indoda eyomeleleyo nendlu yayo,+ indoda nelifa layo.+  “Ngoko ke utsho uYehova ukuthi, ‘Yabonani, ndicinga intlekele+ ngale ntsapho+ leyo ningayi kuzishenxisa iintamo zenu kuyo,+ ukuze ningahambi ngekratshi;+ ngenxa yokuba lixesha lentlekele.+  Ngaloo mini kuya kwenziwa umzekeliso+ ngani yaye ngokuqinisekileyo kuya kwenziwa isijwili, isijwili kanye.+ Umntu uya kuthi: “Ngokuqinisekileyo siphangiwe!+ Sona kanye isahlulo sabantu bam uyasijika.+ Hayi indlela asishenxisa ngayo kum! Amasimi ethu uwabela ongathembekanga.”  Ngoko ke akuyi kuba naye ophosa intambo, ngeqashiso,+ ebandleni likaYehova.  Musani ukuphosa mazwi.+ Baphosa amazwi. Abayi kuphosa mazwi ngokuphathelele ezi zinto. Ukuthotywa akuyi kumka.+  “‘Kuthiwa, ndlu kaYakobi:+ “Umoya kaYehova awanelisekanga na, okanye zizenzo zakhe na ezi?”+ Akenzi okulungileyo+ na amazwi am kwimeko yalowo uhamba ngokuthe tye?+  “‘Izolo eli abantu bam basuke njengotshaba olucacileyo.+ Ngaphambili kwisambatho nihluba ingubo ende yokwaleka, kwabo badlula ngentembelo, njengabo babuya emfazweni.  Abafazi babantu bam niyabagxotha ezindlwini zoyolo olugqibeleleyo lomfazi. Ebantwaneni bakhe nisusa ubungangamsha bam,+ ukusa kwixesha elingenammiselo.+ 10  Sukani nihambe,+ ngenxa yokuba asiyondawo yokuphumla le.+ Ngenxa yokuba uye waba ngongahlambulukanga,+ waphulwe; yaye ukwaphulwa oko kubuhlungu.+ 11  Ukuba umntu, ohamba ngomoya nobuxoki, uxokile wathi:+ “Ndiya kuphosa amazwi kuwe ngokuphathelele iwayini nangokuphathelele isiselo esinxilisayo,” ngokuqinisekileyo uya kuba ngulowo uphosa amazwi kwesi sizwana.+ 12  “‘Ngokuqinisekileyo ndiya kumhlanganisa uYakobi, wonke;+ nakanjani na ndiya kubaqokelela ndawonye abo baseleyo bakwaSirayeli.+ Ndiya kubabeka bemanyene, njengomhlambi ebuhlanti, njengomhlambi phakathi kwedlelo lawo;+ kuya kubakho ingxokozelo ngenxa yobuninzi babantu.’+ 13  “Ngokuqinisekileyo otyhobozayo uya kunyuka phambi kwabo:+ okunene baya kutyhoboza.+ Kwaye baya kudlula ngesango, yaye baya kuphuma ngalo. Nokumkani wabo uya kudlula phambi kwabo, noYehova esentloko kubo.”+

Umbhalo osemazantsi