I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Mateyu 3:1-17

3  Ngaloo mihla kwafika uYohane umBhaptizi+ eshumayela entlango+ yelakwaYuda,  esithi: “Guqukani,+ kuba ubukumkani bamazulu busondele.”+  Lo, enyanisweni, ngulowo kwathethwa ngaye ngoIsaya umprofeti+ kwathiwa: “Phulaphula! Uthile udanduluka entlango esithi, ‘Lungisani+ indlela kaYehova! Yenzani iindlela zakhe zithi tye.’”  Ke uYohane lowo, isinxibo sakhe sasisesoboya+ benkamela, enombhinqo+ wethwathwa esinqeni sakhe; ukutya kwakhe nako kwakuziinkumbi+ nobusi+ basendle.  Babephuma besiya kuye abantu baseYerusalem nabakulo lonke elakwaYuda nelizwe elijikeleze iYordan,  bazivume ekuhleni izono zabo, aze ababhaptize kuMlambo iYordan.+  Xa wabona abaninzi babaFarisi nabaSadusi+ besiza elubhaptizweni, wathi kubo: “Nzalandini yamarhamba,+ ngubani na onicebisileyo ukuba niyisabe ingqumbo ezayo?+  Ngoko ke velisani iziqhamo ezifanele inguquko;+  yaye ze ningafane nithi, ‘Sinobawo uAbraham.’+ Kuba ndithi kuni uThixo unako ukumvelisela abantwana kuwo la matye uAbraham.+ 10  Izembe+ sele libekiwe engcanjini yemithi; ngoko, wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle uya kugawulwa+ uze uphoswe emlilweni.+ 11  Mna ndinibhaptiza ngamanzi+ ngenxa yenguquko yenu;+ kodwa lowo uzayo+ emva kwam womelele kunam, ombadada zakhe ndingakufanelekelanga ukuzikhulula.+ Yena uya kunibhaptiza ngomoya oyingcwele+ nangomlilo.+ 12  Umhlakulo wakhe wokwela usesandleni sakhe, yaye uya kusicoca ngokupheleleyo isanda sakhe, ayihlanganisele kuvimba+ ingqolowa yakhe, kodwa wona umququ uya kuwutshisa+ ngomlilo ongacimekiyo.” 13  Ngoko uYesu weza eYordan kuYohane evela eGalili,+ ukuze abhaptizwe+ nguye. 14  Kodwa yena wazama ukumalela, esithi: “Indim nje ekufuneka ebhaptizwe nguwe, kutheni na usiza kum?” 15  Ekuphenduleni uYesu wathi kuye: “Vuma okwangoku, kuba kufanelekile ngathi ukuphumeza konke oko kububulungisa.”+ Wandula ke wayeka ukumalela. 16  Emva kokuba ebhaptiziwe uYesu ngoko nangoko wenyuka emanzini; yaye, khangela! amazulu avuleka,+ waza wabona umoya kaThixo usihla njengehobe+ phezu kwakhe.+ 17  Khangela! Kwakukho ilizwi+ eliphuma emazulwini lisithi: “Lo nguNyana wam,+ oyintanda,+ endikholisiweyo nguye.”+

Umbhalo osemazantsi