Mateyu 24:1-51
24 Ekuphumeni kukaYesu etempileni, abafundi bakhe basondela ukuze bambonise izakhiwo zetempile.+
2 Wasabela ngokuthi kubo: “Aniziboni na zonke ezi zinto? Inene ndithi kuni, Akuyi kusala litye phezu kwelitye apha elingayi kudilizwa.”+
3 Ngoxa wayehleli kwiNtaba yemiNquma, abafundi baya kuye ngasese, besithi: “Sixelele, Ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni na umqondiso wobukho+ bakho nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?”+
4 Kwaye ekuphenduleni uYesu wathi kubo: “Lumkani kungabikho bani unilahlekisayo;+
5 kuba abaninzi baya kuza egameni lam, besithi, ‘NdinguKristu,’ yaye baya kulahlekisa abaninzi.+
6 Niza kuva ngeemfazwe neengxelo zeemfazwe; qinisekani ukuba aninkwantyi. Kuba ezi zinto zimele zenzeke, kodwa isiphelo asikabikho.+
7 “Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga+ nobukumkani buvukelane nobukumkani,+ yaye kuya kubakho ukunqongophala kokutya+ neenyikima zomhlaba+ kwiindawo ngeendawo.
8 Zonke ezi zinto zikukuqala kwenimba.
9 “Baya kwandula ke abantu baninikele ekubandezelweni,+ banibulale,+ nithiywe+ ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.+
10 Kanjalo, abaninzi baya kukhutyekiswa,+ bangcatshane, bathiyane.+
11 Kuya kuvela abaprofeti bobuxoki+ abaninzi baze balahlekise abaninzi;+
12 yaye ngenxa yokwanda kokuchas’ umthetho+ luya kuphola uthando lwabaninzi.+
13 Kodwa lowo unyamezele+ kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.+
14 Kwaye ezi ndaba zilungileyo+ zobukumkani+ ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga;+ kwandule ke kufike ukuphela.+
15 “Ngoko ke, xa nibona into elizothe ebangela isiphanziso,+ njengoko kwathethwa ngayo ngomprofeti uDaniyeli, imi kwindawo engcwele,+ (ofundayo makaqiqe,)
16 mabandule abo bakwelakwaYuda basabele+ ezintabeni.
17 Umntu ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha iimpahla endlwini yakhe;
18 umntu osentsimini makangabuyeli endlwini aye kuthabatha isambatho sakhe sangaphezulu.
19 Yeha abafazi abamithiyo nabanyisa iintsana ngaloo mihla!+
20 Hlalani nithandazela ukuba intsabo yenu ingabi sebusika, okanye ngomhla wesabatha;
21 kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu+ ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku,+ nekungasayi kubakho injengayo kwakhona.
22 Enyanisweni, ngaphandle kokuba loo mihla inqunyulwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; kodwa ngenxa yabanyuliweyo+ loo mihla iya kunqunyulwa.+
23 “Ngoko ukuba nabani na uthi kuni, ‘Khangelani! Nanku uKRISTU,’+ okanye, ‘Nankuya!’ ningakukholelwa oko.+
24 Kuba kuya kuvela ooKristu bobuxoki+ nabaprofeti bobuxoki+ yaye baya kunika imiqondiso emikhulu+ nemimangaliso ukuze balahlekise, ukuba kunokwenzeka, kwanabo banyuliweyo.+
25 Khangelani! ndinilumkise kwangaphambili.+
26 Ngoko ke, ukuba abantu bathi kuni, ‘Khangelani! Usentlango,’ musani ukuphuma; ‘Khangelani! Usemagumbini angaphakathi,’ ningakukholelwa oko.+
27 Kuba kanye njengokuba umbane+ uphuma kwimimandla yasempumalanga uze ukhanye ukufikelela kwimimandla yasentshonalanga, buya kuba njalo nobukho+ boNyana womntu.
28 Naphi na apho kukho isidumbu, ziya kuhlanganisana ndawonye+ apho iinkozi.+
29 “Ngoko nangoko emva kwembandezelo yaloo mihla ilanga liya kwenziwa mnyama,+ nenyanga+ ayiyi kunika ukukhanya kwayo, yaye kuya kuwa iinkwenkwezi ezulwini, namandla amazulu aya kugungqiswa.+
30 Uya kwandula ke umqondiso woNyana womntu+ ubonakale ezulwini, zandule zonke izizwe zomhlaba zizimbambazele zisenza isijwili,+ yaye ziya kumbona uNyana womntu esiza esemafini ezulu enamandla nobuqaqawuli obukhulu.+
31 Yaye uya kuthumela iingelosi zakhe zinesandi esikhulu sexilongo,+ zihlanganisele ndawonye abo banyuliweyo+ bakhe bevela koomoya abane,+ ukusuka kwesinye isiphelo samazulu ukusa kwesinye isiphelo sawo.
32 “Ke kaloku fundani kuwo umkhiwane le ngongoma njengomzekeliso: Kwakamsinya nje lakuba isetyana lawo lithamba lize livelise amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi.+
33 Ngokunjalo nani, xa nibona zonke ezi zinto, yazini ukuba ukufuphi eminyango.+
34 Inene ndithi kuni asisayi kudlula esi sizukulwana+ zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.
35 Liya kudlula izulu nomhlaba,+ kodwa amazwi am akayi kuze adlule.+
36 “Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa,+ azazi neengelosi zamazulu engazi noNyana, kodwa nguBawo kuphela.+
37 Kuba kanye njengokuba yayinjalo imihla kaNowa,+ buya kuba njalo ubukho boNyana womntu.+
38 Kuba njengokuba babenjalo ngaloo mihla yangaphambi komkhukula, besidla, besela, amadoda etshata namabhinqa etshatiswa, de kwaba yimini awangena ngayo uNowa+ emkhombeni;+
39 kwaye abazange banikele ngqalelo de wafika umkhukula waza wabatshayela bonke,+ nobukho boNyana womntu buya kuba njalo.
40 Ngoko amadoda amabini aya kube esentsimini: enye iya kuthatyathwa ize enye ishiywe;
41 abafazi ababini baya kube besila elityeni lokuguba:+ omnye uya kuthatyathwa kwaye omnye uya kushiywa.+
42 Ngoko ke, hlalani nilindile, ngenxa yokuba aniwazi umhla eza ngawo iNkosi yenu.+
43 “Kodwa yazini nto inye, ukuba umnini-ndlu ebesazi ukuba isela liza ngawuphi na umlindo,+ ebeya kuhlala ephaphile aze angavumi ukuba indlu yakhe iqhekezwe.
44 Ngenxa yoku nani hlalani nilungile,+ kuba uNyana womntu uza ngelixa eningacinganga ukuba lilo.
45 “Ngubani ngokwenene olikhoboka elithembekileyo neliyingqondi+ ethe inkosi yalo yalimisela phezu kwempahla yendlu yayo, ukuze liyinike ukutya kwayo ngexesha elifanelekileyo?+
46 Linoyolo+ elo khoboka ukuba inkosi yalo yakufika ilifumana lisenjenjalo!
47 Inene ndithi kuni, Iya kulimisela phezu kwayo yonke impahla yayo.+
48 “Kodwa ukuba elo khoboka linobubi lingakhe lithi entliziyweni yalo,+ ‘Inkosi yam iyalibala,’+
49 lize liqale ukubetha amakhoboka angamadlelane alo yaye lidle lize lisele namanxila aziwayo,
50 inkosi yelo khoboka iya kuza ngemini elingayilindelanga nangelixa+ elingalaziyo,
51 kwaye iya kulohlwaya ngokona kuqatha+ kakhulu ize ilabele nabahanahanisi. Apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo alo.+