I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Marko 2:1-28

2  Noko ke, emva kweentsuku ezithile wangena kwakhona eKapernahum yaye kwabakho ingxelo yokuba usekhaya.+  Ngenxa yoko abaninzi bahlanganisana, kangangokuba kwakungasekho ndawo, ingekho kwanangasemnyango, waza waqalisa ukuthetha ilizwi+ kubo.  Yaye kwafika abantu bemzisele ofe umzimba ethwelwe ngabane.+  Kodwa bengakwazi ukumzisa kanye kuYesu ngenxa yesihlwele, bashenxisa uphahla apho wayekhona, baza bakuba begqobhozile baluhlisa ukhuko awayelele kulo lowo ufe umzimba.+  Yaye xa uYesu wabona ukholo lwabo+ wathi kofe umzimba: “Mntwana, izono zakho zixolelwe.”+  Ke kaloku kwakukho abathile bababhali apho, behleli yaye beqiqa ezintliziyweni zabo ngelithi:+  “Kutheni lo mntu ethetha ngolu hlobo? Uyanyelisa. Ngubani onokuxolela izono ngaphandle komnye, uThixo?”+  Kodwa uYesu, eqondile ngoko nangoko ngomoya wakhe ukuba babeqiqa ngaloo ndlela, wathi kubo: “Kutheni niqiqa ezi zinto ezintliziyweni zenu?+  Kukuphi okulula ngakumbi, ukuthi kofe umzimba, ‘Izono zakho zixolelwe,’ okanye ukuthi, ‘Sukuma uthabathe ukhuko lwakho uhambe’?+ 10  Kodwa ukuze nazi ukuba uNyana womntu+ unegunya lokuxolela izono phezu komhlaba,”+—wathi kofe umzimba: 11  “Ndithi kuwe, Sukuma, thabatha ukhuko lwakho, uhambe ugoduke.”+ 12  Ngako oko wasukuma, yaye ngoko nangoko wathabatha ukhuko lwakhe waza waphuma phambi kwabo bonke,+ kangangokuba basuka nje bathabatheka bonke, baza bamzukisa uThixo, besithi: “Asizange siyibone into enjengale.”+ 13  Kwakhona waya ngaselwandle; yaye sonke isihlwele saqhubeka sisiza kuye, waqalisa ukusifundisa. 14  Kodwa njengoko wayedlula, wabona uLevi+ unyana ka-Alfeyu ehleli kwiofisi yerhafu, waza wathi kuye: “Yiba ngumlandeli wam.” Waphakama wamlandela.+ 15  Kamva wangqendeva etafileni endlwini yakhe, yaye abaqokeleli berhafu+ naboni abaninzi babengqendeve noYesu nabafundi bakhe, kuba kwakukho abaninzi babo yaye baqalisa ukumlandela.+ 16  Kodwa ababhali babaFarisi, bakubona ukuba wayesidla naboni nabaqokeleli berhafu, bathi kubafundi bakhe: “Ngaba udla nabaqokeleli berhafu naboni?”+ 17  Akukuva oku uYesu wathi kubo: “Kwabo bomeleleyo akufuneki gqirha, kodwa kwabo bagulayo uyafuneka. Ndize kubiza, kungekhona abantu abangamalungisa, kodwa aboni.”+ 18  Ke kaloku abafundi bakaYohane nabaFarisi babezila ukutya. Ngoko beza kuye baza bathi: “Kutheni abafundi bakaYohane nabafundi babaFarisi bezila ukutya, kodwa abakho abafundi bengakuzili ukutya?”+ 19  Waza uYesu wathi kubo: “Ngoxa umyeni ekunye nabo abahlobo bomyeni abanako ukuzila ukutya,+ andibi kunjalo? Lo gama umyeni ekunye nabo abanako ukuzila ukutya.+ 20  Kodwa iya kufika imihla yaxa umyeni eya kususwa kubo, yaye baya kwandula ke bazile ukutya ngaloo mhla.+ 21  Akukho bani uthungela isiziba selaphu elingarhwaqelanga phezu kwesambatho sangaphezulu esidala; ukuba wenjenjalo, amandla aso apheleleyo asitsala sisuke, esitsha kwesidala, yaye ukukrazuka kuba kubi ngakumbi.+ 22  Kanjalo, akukho bani ufaka iwayini entsha kwiintsuba zewayini ezindala; ukuba wenjenjalo, iwayini iyazigqabhuza iintsuba, kuze kulahleke iwayini kwakunye neentsuba.+ Kodwa abantu bafaka iwayini entsha kwiintsuba zewayini ezintsha.”+ 23  Wathi edlula kumasimi okudla okuziinkozo ngesabatha, abafundi bakhe baqala ukukha+ izikhwebu zokudla okuziinkozo.+ 24  Ngoko abaFarisi basuka bathi kuye: “Khangela apha! Kutheni besenza okungekho mthethweni ngesabatha?”+ 25  Kodwa wathi kubo: “Anizange nakanye na nifunde oko kwenziwa nguDavide+ xa wayeswele,  elambile, yena nabantu ababekunye naye?+ 26  Indlela awangena ngayo endlwini kaThixo, kwingxelo ephathelele uAbhiyatare+ umbingeleli oyintloko, waza wadla izonka ezingumboniso,+ ekungekho mthethweni+ ngaye nabani na ukuzidla ngaphandle kwababingeleli, yaye zimbi wazinika kwanabantu ababekunye naye?”+ 27  Ngoko wahambisa wathi kubo: “Isabatha yabakho ngenxa yomntu,+ kungekhona umntu ngenxa yesabatha;+ 28  ngoko ke uNyana womntu uyiNkosi yayo nesabatha.”+

Umbhalo osemazantsi