Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Malaki 4:1-6

4  “Kuba, khangela! iyeza imini evutha njengeziko,+ yaye bonke abakhukhumeleyo nabo bonke abo benza ubungendawo bamele babe njengeendiza.+ Kwaye imini leyo izayo ngokuqinisekileyo iya kubaqwenga,” utsho uYehova wemikhosi, “kangangokuba ayiyi kubashiyela nokuba yingcambu okanye isebe.+  Kuni ke baloyikayo igama lam ilanga lobulungisa ngokuqinisekileyo liya kukhanyisa,+ linokuphilisa emaphikweni alo;+ yaye okunene niya kuphuma nize nidlobe njengamathole eenkomo atyetyisiweyo.”+  “Yaye ngokuqinisekileyo niya kubanyathela abangendawo, kuba baya kuba njengomgubo phantsi kweentende zeenyawo zenu ngemini yokukwenza kwam oku,”+ utsho uYehova wemikhosi.  “Khumbulani umthetho kaMoses umkhonzi wam endamyalela wona eHorebhe ngokuphathelele uSirayeli wonke, kwanemimiselo nezigwebo.+  “Khangelani! Ndithumela kuni uEliya umprofeti+ ngaphambi kokufika kwemini kaYehova enkulu neyoyikekayo.+  Kwaye umele abuyisele intliziyo yooyise koonyana, nentliziyo yoonyana kooyise; ukuze ndingezi ndize okunene ndiwubethe umhlaba ngokuwutshabalalisa.”+ (Iyaphela apha inguqulelo yeZibhalo ZesiHebhere nesiAramiki, iza kulandelwa yeyeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike)

Umbhalo osemazantsi