Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Malaki 1:1-14

1  Isibhengezo: Ilizwi likaYehova+ ngokuphathelele uSirayeli ngoMalaki:  “Ndinithandile,”+ utsho uYehova. Nina nithe: “Usithande ngayiphi na indlela?”+ “UEsawu wayengengomntakwabo Yakobi na?”+ utsho uYehova. “Kodwa ndathanda uYakobi,+  yena uEsawu+ ndamthiya; yaye ekugqibeleni iintaba zakhe ndazenza inkangala ephanzileyo+ nelifa lakhe laba leloodyakalashe basentlango.”+  “Ngenxa yokuba uEdom uqhubeka esithi, ‘Siqotyiwe, kodwa siya kubuya size sizakhe iindawo eziphanzileyo,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘Bona baya kwakha; kodwa mna ndiya kudiliza.+ Yaye ngokuqinisekileyo abantu baya kubabiza ngokuba “ngummandla wobungendawo” nangokuba “ngabantu uYehova abaqalekisileyo+ ukusa kwixesha elingenammiselo.”  Namehlo enu aya kukubona oku, yaye nina niya kuthi: “Ngamana uYehova angenziwa mkhulu phezu kommandla wakwaSirayeli.”’”+  “‘Unyana, yena, uyambeka uyise;+ nomkhonzi, inkosi yakhe ezukileyo.+ Ngoko ukuba ndinguyihlo,+ kuphi na ukubekwa kwam?+ Yaye ukuba ndiyiNkosi Ezukileyo, kuphi na ukoyikwa+ kwam?’ utsho uYehova wemikhosi kuni, nina babingeleli abadelela igama lam.+ “‘Kwaye nina nithe: “Silidelele ngayiphi na indlela igama lakho?”’  “‘Ngokunikela esibingelelweni sam isonka esingcolileyo.’+ “‘Nathi ke nina: “Sikungcolise ngayiphi na indlela?”’ “‘Ngokuthi oku kwenu: “Itafile+ kaYehova iyinto edelekileyo.”+  Naxa ninikela isilwanyana esiyimfama ukuba sibingelelwe: “Akunto imbi oko.” Naxa ninikela isilwanyana esisisiqhwala okanye esigulayo: “Akunto imbi oko.”’”+ “Khawuncede, usisondeze kwirhuluneli yakho. Iya kukholiswa na nguwe, okanye iya kukwamkela ngobubele na?” utsho uYehova wemikhosi.  “Ke kaloku, ncedani, nimbongoze+ uThixo, ukuze asibabale.+ Oku kwenzeke esandleni senu. Ngaba uya kwamkela nabaphi na kuni ngobubele?” utsho uYehova wemikhosi. 10  “Ngubani na phakathi kwenu oya kuvala iingcango?+ Yaye nina aniyi kukhanyisa isibingelelo sam—ngento elilize.+ Andiyoliswa nini,” utsho uYehova wemikhosi, “andikholiswa nangumnikelo osisipho osesandleni senu.”+ 11  “Kuba ukususela ekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo igama lam liya kuba likhulu phakathi kweentlanga,+ nasezindaweni zonke kuya kuqhunyiswa umbingelelo,+ kuya kwenziwa umnikelo egameni lam, ube sisipho esihlambulukileyo;+ ngenxa yokuba igama lam liya kuba likhulu phakathi kweentlanga,”+ utsho uYehova wemikhosi. 12  “Kodwa nina niyandihlambela+ ngokuthi kwenu, ‘Itafile kaYehova iyinto engcolileyo, nesiqhamo sayo siyinto edelekileyo, ukudla kwayo.’+ 13  Nithe, ‘Khangela! Enjani yona into eyindinisa!’+ yaye niyinyevulele,” utsho uYehova wemikhosi. “Kwaye nizise into ephangiweyo, nesisiqhwala, negulayo;+ ewe, nizise yona njengesipho. Ndingakholiswa na yiyo esandleni senu?”+ utsho uYehova. 14  “Yaye uqalekisiwe lowo wenza ngobuqhokolo xa kukho iduna emhlambini wakhe, esenza isibhambathiso aze abingelele ngento eyonakeleyo kuYehova.+ Kuba ndinguKumkani omkhulu,”+ utsho uYehova wemikhosi, “negama lam liyoyikeka phakathi kweentlanga.”+

Umbhalo osemazantsi