Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Levitikus 5:1-19

5  “‘Ke ukuba umphefumlo+ wona ngokuthi uve isiqalekiso sasesidlangalaleni+ kwaye ulingqina loko okanye ubonile okanye uyazi ngaso, ungaxeli,+ ngoko umele uphendule ngesiphoso sawo.  “‘Okanye xa umphefumlo uchukumise into engahlambulukanga, enoba sisidumbu serhamncwa elingahlambulukanga okanye isidumbu sesilwanyana sasekhaya esingahlambulukanga okanye isidumbu sesidalwa esinyakazelayo,+ nangona ubungakwazi oko,+ sekunjalo woba ngongahlambulukanga uze ube netyala.+  Okanye ukuba uthe wachukumisa nakuphi na ukungahlambuluki komntu angahlambulukanga ngako,+ ungazi, waza wabuya wakwazi oko, woba netyala.  “‘Okanye ukuba umphefumlo uthethe ungacinganga+ ngemilebe yawo, wafunga ukwenza okubi+ okanye ukwenza okulungileyo, nangantoni na asenokuyithetha aze enze isifungo ngayo umntu engacinganga,+ ungazi, waza wabuya wakwazi oko, woba netyala lenye yezo zinto.  “‘Ukuba ke uthe waba netyala nangayiphi na kwezo nto, ngoko umele ukuvume+ oko wone ngako.  Yaye umele uwuzise umnikelo wawo wetyala+ kuYehova ngenxa yesono sawo osenzileyo, oko kukuthi, ithokazi lasemhlambini, ithokazi lemvu okanye itakane lebhokhwe eliyimazi,+ libe ngumnikelo wesono; aze umbingeleli awucamagushele ngesono sawo.+  “‘Ukuba, ke, awunako okwanele imvu,+ mawuzise kuYehova amahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amavukuthu+ abe ngumnikelo wawo wetyala ngenxa yesono osenzileyo,+ elinye libe ngumnikelo wesono lize elinye libe ngumnikelo otshiswayo.  Yaye umele uwazise kumbingeleli, aze yena asondeze elomnikelo wesono kuqala, aliqhawule+ intloko ngaphambili entanyeni, kodwa angayisusi.  Kwaye umele atshize ngenxalenye yegazi lomnikelo wesono ecaleni kwesibingelelo, kodwa igazi eliseleyo malikhanyelwe esisekweni sesibingelelo.+ Ngumnikelo wesono ke lowo. 10  Elinye uya kulenza libe ngumnikelo otshiswayo ngokwenkqubo eqhelekileyo;+ aze umbingeleli awucamagushele+ ngesono sawo osenzileyo, wandule ke uxolelwe.+ 11  “‘Ukuba ke awunandlela+ yakufumana amahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amavukuthu, ngoko umele uzise umnikelo wesono osisahlulo seshumi se-efa+ yomgubo ocolekileyo, ibe ngumnikelo wawo lowo ngenxa yesono osenzileyo. Umele ungabeki oli+ phezu kwawo yaye ungabeki nentlaka yokuqhumisa phezu kwawo, kuba ngumnikelo wesono lowo.+ 12  Wowuzisa kumbingeleli, aze umbingeleli athabathe kuwo azalise isandla sakhe, kuze oko kube sisikhumbuzo sawo,+ aqhumisele ngako esibingelelweni phezu kweminikelo yasemlilweni kaYehova.+ Ngumnikelo wesono ke lowo.+ 13  Umele ke umbingeleli awucamagushele+ ngesono sawo osenzileyo, nangasiphi na kwezi zono, wandule ke uxolelwe; kothi ke okunye kube kokombingeleli+ njengakumnikelo wokudla okuziinkozo.’” 14  Waqhubeka ethetha uYehova kuMoses, esithi: 15  “Ukuba umphefumlo uthe awathembeka ngokuthi eneneni wone ngempazamo nxamnye nezinto ezingcwele zikaYehova,+ ngoko umele uzise njengomnikelo wawo wetyala+ kuYehova inkunzi yegusha ephilileyo yasemhlambini, ngokwexabiso elithelekelelwayo leeshekele zesilivere,+ ngokweshekele yendawo engcwele, ibe ngumnikelo wetyala. 16  Yaye oko wone ngako nxamnye nendawo engcwele wokubuyekeza uze wongeze kuko isahlulo+ sesihlanu sako, ukunike umbingeleli, ukuze umbingeleli awucamagushele+ ngenkunzi yegusha yomnikelo wetyala, wandule ke uxolelwe.+ 17  “Ukuba umphefumlo uthe wona ngokwenza enye yezinto zonke uYehova ayalele ukuba zingenziwa,+ nokuba ubungazi, woba netyala yaye umele uphendule ngesiphoso sawo.+ 18  Wozisa kumbingeleli inkunzi yegusha ephilileyo ngokwexabiso elithelekelelwayo, ibe ngumnikelo wetyala;+ yaye umbingeleli umele awucamagushele+ ngenxa yempazamo yawo oyenze ungaqondanga, nangona wona ubungazi, wandule ke uxolelwe.+ 19  Ngumnikelo wetyala ke lowo. Unetyala+ okunene kuYehova.”

Umbhalo osemazantsi