I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Levitikus 3:1-17

3  “‘Yaye ukuba umnikelo wakhe ungumbingelelo wobudlelane,+ ukuba uwusondeza ungowasemhlambini, enoba yinkunzi okanye imazi, woyisondeza ibe yephilileyo+ phambi koYehova.  Umele abeke isandla sakhe entlokweni+ yomnikelo wakhe, uxhelelwe emnyangweni wentente yokuhlangana; yaye oonyana baka-Aron, ababingeleli, bamele balifefe igazi bajikeleze isibingelelo.  Umele asondeze inxalenye yombingelelo wobudlelane ibe ngumnikelo wasemlilweni kuYehova, oko kukuthi, umhlehlo+ ogubungele amathumbu, namanqatha onke asemathunjini,+  nezintso zombini+ nenqatha lazo, neliselusendweni. Wona umhlehlo ophezu kwesibindi, wowususa kunye nezintso.  Bamele baqhumisele+ ngazo oonyana baka-Aron+ esibingelelweni, phezu komnikelo otshiswayo ophezu kweenkuni+ ezisemlilweni, zibe ngumnikelo wasemlilweni olivumba elithozamisayo+ kuYehova.  “‘Ukuba umnikelo wakhe ngowasemhlambini yaye ungumbingelelo wobudlelane kuYehova, inkunzi okanye imazi, woyisondeza ibe yephilileyo.+  Ukuba usondeza itakane legusha eliyinkunzi njengomnikelo wakhe, umele alisondeze phambi koYehova.+  Yaye umele abeke isandla sakhe phezu kwentloko+ yomnikelo wakhe, uxhelelwe+ phambi kwentente yokuhlangana; yaye oonyana baka-Aron bamele balifefe igazi lawo bajikeleze isibingelelo.  Umele athabathe embingelelweni lowo wobudlelane inqatha lawo aze alisondeze libe ngumnikelo wasemlilweni kuYehova.+ Umsila otyebileyo uphela+ umele awunqumle kufuphi nethambo lomqolo, nomhlehlo ogubungele amathumbu, namanqatha onke asemathunjini,+ 10  nezintso zombini nenqatha lazo, neliselusendweni. Wona umhlehlo+ ophezu kwesibindi, wowususa kunye nezintso. 11  Umele aqhumisele ngazo+ umbingeleli esibingelelweni zibe kukudla,+ umnikelo wasemlilweni kuYehova. 12  “‘Ukuba umnikelo wakhe yibhokhwe,+ woyisondeza phambi koYehova. 13  Yaye umele abeke isandla sakhe entlokweni yayo,+ ayixhelele+ phambi kwentente yokuhlangana; yaye oonyana baka-Aron bamele balifefe igazi layo bajikeleze isibingelelo. 14  Umele athabathe kuyo umhlehlo ogubungele amathumbu aze awusondeze ube ngumnikelo wakhe, umnikelo wasemlilweni kuYehova, namanqatha onke asemathunjini,+ 15  nezintso zombini nenqatha lazo, neliselusendweni. Wona umhlehlo ophezu kwesibindi, wowususa kunye nezintso. 16  Umele aqhumisele ngazo umbingeleli phezu kwesibingelelo zibe kukudla, umnikelo wasemlilweni olivumba elithozamisayo. Onke amanqatha ngakaYehova.+ 17  “‘Ngummiselo ezizukulwaneni zenu lowo, kwiindawo zonke enihlala kuzo, kuse kwixesha elingenammiselo, ukuba: Nimele ningadli nqatha nagazi+ konke konke.’”

Umbhalo osemazantsi