I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Levitikus 2:1-16

2  “‘Ke ukuba umphefumlo othile usondeza umnikelo wokudla okuziinkozo+ kuYehova, umnikelo wawo woba ngumgubo ocolekileyo;+ ugalele ioli phezu kwawo uze ubeke intlaka yokuqhumisa phezu kwawo.  Yaye umele uwuzise koonyana baka-Aron, ababingeleli, aze umbingeleli athabathe kuwo azalise isandla sakhe ngomgubo lowo ocolekileyo neoli yawo nentlaka yawo yokuqhumisa yonke; aqhumisele ngawo esibingelelweni njengesikhumbuzo+ sawo, njengomnikelo wasemlilweni olivumba elithozamisayo kuYehova.  Okuseleyo kumnikelo wokudla okuziinkozo koba kokuka-Aron noonyana bakhe,+ kube yeyona nto ingcwele+ yomnikelo kaYehova wasemlilweni.  “‘Ukuba uthe wasondeza umnikelo wokudla okuziinkozo okubhakwe eontini, woba ngamaqebengwana abusazinge angenagwele,+ omgubo ocolekileyo ogalelwe ioli okanye izonka ezisicaba ezingenagwele+ eziqatywe ioli.+  “‘Ukuba umnikelo wakho ungumnikelo wokudla okuziinkozo ngepani,+ woba ngumgubo ocolekileyo ongenagwele, ugalelwe ioli.  Ufanele uwuqhekeze ube ngamaqhekeza, ugalele ioli phezu kwawo.+ Ngumnikelo wokudla okuziinkozo ke lowo.  “‘Ukuba umnikelo wakho ngumnikelo wokudla okuziinkozo kwaseketileni evulekileyo yokuqhotsa amafutha, mawenziwe ngomgubo ocolekileyo oneoli.  Uze uwuzise umnikelo wokudla okuziinkozo owenziwe ngezi zinto kuYehova; uwunike umbingeleli aze yena awusondeze esibingelelweni.  Uya kwandula ke umbingeleli athabathe intwana yoko kudla kuziinkozo njengesikhumbuzo+ sawo aze aqhumisele ngayo esibingelelweni, ibe ngumnikelo wasemlilweni olivumba elithozamisayo kuYehova.+ 10  Okuseleyo kumnikelo wokudla okuziinkozo koba kokuka-Aron noonyana bakhe, kube yeyona nto ingcwele yomnikelo kaYehova wasemlilweni.+ 11  “‘Nize ningasondezi kuYehova umnikelo wokudla okuziinkozo owenziwe ngegwele,+ kuba animele niqhumisele konke konke ngegwele nangobusi zibe ngumnikelo wasemlilweni kuYehova. 12  “‘Nozisondeza kuYehova njengomnikelo oyintlahlela,+ yaye azimele zinyuswe esibingelelweni ukuba zibe livumba elithozamisayo. 13  “‘Yonke iminikelo yakho yokudla okuziinkozo woyinonga ngetyuwa;+ yaye uze ungavumeli ukuba ingabikho ityuwa yomnqophiso+ kaThixo wakho emnikelweni wakho wokudla okuziinkozo. Iminikelo yakho yonke woyisondeza inetyuwa. 14  “‘Ukuba usondeza umnikelo wentlahlela yokudla okuziinkozo kuYehova, wosondeza izikhwebu eziluhlaza zosiwe emlilweni, umgrayo weenkozo ezintsha, ube ngumnikelo wentlahlela yokudla kwakho okuziinkozo.+ 15  Uze uyibeke ioli phezu kwawo, ubeke nentlaka yokuqhumisa phezu kwawo. Ngumnikelo wokudla okuziinkozo ke lowo.+ 16  Yaye umbingeleli umele aqhumisele ngesikhumbuzo+ sawo, oko kukuthi, ngomgrayo nangeoli yawo, nangentlaka yawo yokuqhumisa yonke, ibe ngumnikelo wasemlilweni kuYehova lowo.

Umbhalo osemazantsi