I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Levitikus 17:1-16

17  Wahlabela mgama uYehova ethetha kuMoses, esithi:  “Thetha kuAron nakoonyana bakhe nakoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, ‘Yiyo le into ayiyaleleyo uYehova, esithi:  “‘“Nawuphi na umntu wendlu kaSirayeli osukuba exhela inkunzi yenkomo okanye itakane legusha eliyinkunzi okanye ibhokhwe enkampini nosukuba eyixhelela ngaphandle kwenkampu  aze angayizisi emnyangweni wentente yokuhlangana+ ukuba isondezwe ibe ngumnikelo kuYehova phambi komnquba kaYehova, woba netyala legazi loo mntu. Uye waphalaza igazi, yaye umele anqunyulwe loo mntu phakathi kwabantu bakowabo,+  ukuze oonyana bakaSirayeli bayizise imibingelelo yabo, abayibingelelayo endle,+ bayizise kuYehova, bayinike umbingeleli emnyangweni wentente yokuhlangana,+ ibe yimibingelelo yobudlelane kuYehova.+  Umbingeleli wolifefa igazi layo esibingelelweni sikaYehova+ emnyangweni wentente yokuhlangana, aze aqhumisele ngenqatha,+ libe livumba elithozamisayo kuYehova.+  Ngoko bafanele bangabi sayibingelela imibingelelo yabo kwiidemon ezimilise okweebhokhwe+ ababa neentlobano zokuziphatha okubi kunye nazo.+ Lo iya kuba ngummiselo wexesha elingenammiselo kuni, ezizukulwaneni zenu.”’  “Yaye uze uthi kubo, ‘Nawuphi na umntu wendlu kaSirayeli okanye umphambukeli ophambukele phakathi kwenu othi anyuse umnikelo otshiswayo+ okanye umbingelelo  aze angawuzisi emnyangweni wentente yokuhlangana ukuze awunikele kuYehova,+ umele anqunyulwe loo mntu phakathi kwabantu bakowabo.+ 10  “‘Nawuphi na umntu wendlu kaSirayeli okanye umphambukeli ophambukele phakathi kwenu othi adle naluphi na uhlobo lwegazi,+ ndowuchasa ngokuqinisekileyo loo mphefumlo+ udle igazi, ndiwunqumle phakathi kwabantu bakowawo. 11  Kuba umphefumlo wenyama usegazini,+ yaye mna ndaninika lona esibingelelweni ukuze kucanyagushelwe+ imiphefumlo yenu, kuba igazi eli+ licamagusha+ ngomphefumlo okulo. 12  Kungenxa yoko le nto ndithe koonyana bakaSirayeli: “Makungabikho namnye umphefumlo kuni odla igazi, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu+ makangalidli igazi.”+ 13  “‘Nawuphi na umntu koonyana bakaSirayeli okanye umphambukeli ophambukele phakathi kwenu othi ekuzingeleni kwakhe abambise inyamakazi okanye intaka edliwayo, umele aliphalaze igazi layo+ aze aligubungele ngomhlaba.+ 14  Kuba umphefumlo wohlobo lonke lwenyama ligazi layo ngomphefumlo okulo. Kungako ndiye ndathi koonyana bakaSirayeli: “Nize ningalidli igazi lalo naluphi na uhlobo lwenyama, kuba umphefumlo wohlobo lonke lwenyama ligazi layo.+ Nabani na olidlayo wonqunyulwa.”+ 15  Nawuphi na umphefumlo odla into ezifeleyo okanye into eqwengwe lirhamncwa,+ enoba uyinzalelwane okanye ungumphambukeli, umele uzihlambe izambatho zawo uze uhlambe umzimba emanzini, ube ngongahlambulukanga kude kuhlwe;+ uya kwandula ke uhlambuluke. 16  Kodwa ukuba awuthanga uzihlambe waza awawuhlamba nomzimba wawo, wophendula ngesiphoso sawo.’”+

Umbhalo osemazantsi