I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Levitikus 12:1-8

12  Wahlabela mgama uYehova ethetha kuMoses, esithi:  “Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, ‘Ukuba umfazi ukhawule imbewu,+ wazala inkwenkwe, woba ngongahlambulukanga iintsuku ezisixhenxe; ukungahlambuluki kwakhe koba njengasemihleni yokungcola kwakhe xa esexesheni.+  Ngosuku lwesibhozo iya kwaluswa ijwabi.+  Wothi ke yena umfazi lowo ahlale egazini lokusulungekiswa kwakhe ezinye iintsuku ezingamashumi amathathu anesithathu. Ufanele angachukumisi nayiphi na into engcwele, yaye angangeni endaweni engcwele zide zizaliseke iintsuku zokusulungekiswa kwakhe.+  “‘Ke ukuba uthe wazala intombi, woba ngongahlambulukanga iintsuku ezilishumi elinesine, njengaxa esexesheni. Wothi ke ahlale egazini lokusulungekiswa kwakhe ezinye iintsuku ezingamashumi amathandathu anesithandathu.  Ekuzalisekeni kweentsuku zokusulungekiswa kwakhe ngonyana nokuba kungentombi wozisa kuye umbingeleli itakane legusha eliyinkunzi elimnyaka mnye lomnikelo otshiswayo,+ nentshontsho levukuthu okanye ihobe+ lasendle lomnikelo wesono, emnyango wentente yokuhlangana.  Yena wolisondeza phambi koYehova, amcamagushele, aze ahlambuluke ke ethombeni legazi lakhe.+ Nguwo lowo umthetho wozele inkwenkwe okanye intombazana.  Kodwa ukuba akabanga nako ukufumana imvu, umele ke ngoko athabathe amahobe asendle abe mabini okanye amantshontsho amavukuthu abe mabini,+ elinye libe lelomnikelo otshiswayo lize elinye libe lelomnikelo wesono, aze umbingeleli amcamagushele,+ andule ke ahlambuluke.’”

Umbhalo osemazantsi