I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Levitikus 10:1-20

10  Kamva oonyana baka-Aron uNadabhi noAbhihu+ bathabatha elowo ugcedevu lwakhe,+ babeka umlilo kulo baza babeka isiqhumiso+ phezu kwawo, basondeza phambi koYehova umlilo ongekho sikweni,+ angabayalelanga ngawo.  Kwaphuma umlilo phambi koYehova, wabadla,+ bafa phambi koYehova.+  Wathi uMoses kuAron: “Oku koko akuthethileyo uYehova, esithi, ‘Mandingcwaliswe+ ngabo basondelayo kum,+ ndizukiswe phambi kwabantu bonke.’”+ Wathi cwaka uAron.  UMoses wabiza uMishayeli noElitsafan, oonyana bakaUziyeli,+ uyisekazi ka-Aron, waza wathi kubo: “Sondelani nibathwale abantakwenu, nibasuse phambi kwendawo engcwele, nibase ngaphandle kwenkampu.”+  Basondela ke baza babathwalela ngaphandle kwenkampu benemiwunduzo yabo, kanye njengoko wayethethile uMoses.  Wathi uMoses kuAron nakwabanye oonyana bakhe uEleyazare noItamare: “Musani ukuziyeka zingalungiswanga iintloko zenu,+ ningazikrazuli izambatho zenu, ukuze ningafi nokuze ukucaphuka kwakhe kungayifikeli indibano yonke;+ kodwa bona abazalwana benu bendlu kaSirayeli iphela bangabalilela abo batshileyo, betshiswa nguYehova.  Nize ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana, hleze nife,+ kuba ioli yokuthambisa kaYehova iphezu kwenu.”+ Benza ke ngokwelizwi likaMoses.  Wathetha uYehova kuAron, esithi:  “Musa ukusela wayini nasiselo sinxilisayo,+ wena noonyana bakho abakunye nawe, ekungeneni kwenu ententeni yokuhlangana, ukuze ningafi. Ngummiselo wexesha elingenammiselo ezizukulwaneni zenu ke lowo, 10  ukuze kwahlulwe okungcwele kokuhlambelayo nokungahlambulukanga kokuhlambulukileyo,+ 11  nokuze bafundiswe oonyana bakaSirayeli+ yonke imimiselo ayithethileyo uYehova kubo ngoMoses.” 12  Wandula ke wathetha uMoses kuAron nakuEleyazare noItamare, oonyana bakhe abaseleyo, wathi: “Thabathani umnikelo wokudla okuziinkozo+ osele emnikelweni wasemlilweni kaYehova nize niwudle ungenagwele kufuphi nesibingelelo, kuba uyeyona nto ingcwele.+ 13  Nize niwudle endaweni engcwele,+ kuba ungumxhesho wakho nomxhesho woonyana bakho emnikelweni wasemlilweni kaYehova; kuba ndiyalelwe ngaloo ndlela. 14  Ke incum yomnikelo otshangatshangiswayo+ nomlenze wesahlulo esingcwele+ nize nizidlele endaweni ehlambulukileyo, wena noonyana bakho neentombi zakho ezikunye nawe,+ kuba zinikelwe njengomxhesho wakho nomxhesho woonyana bakho emibingelelweni yobudlelane yoonyana bakaSirayeli. 15  Umlenze wesahlulo esingcwele nencum yomnikelo otshangatshangiswayo+ zoziswa ndawonye neminikelo yasemlilweni, yamanqatha, ukuba zitshangatshangiswe zibe ngumnikelo otshangatshangiswayo phambi koYehova; yaye zimele zibe ngumxhesho+ wakho nowoonyana bakho abakunye nawe kuse kwixesha elingenammiselo, kanye njengoko eyalele uYehova.” 16  UMoses wayifuna ngokucokisekileyo ibhokhwe yomnikelo wesono,+ yaye, khangela! itshisiwe. Ngoko wacaphuka ngenxa yoko kwenziwe nguEleyazare noItamare, oonyana baka-Aron abaseleyo, wathi: 17  “Kutheni na ningawudlanga umnikelo wesono endaweni engcwele,+ ekubeni uyeyona nto ingcwele yaye eninike wona ukuze nibe nokuphendula ngesiphoso sendibano nize niyicamagushele phambi koYehova?+ 18  Khangelani! Alingeniswanga igazi lawo engcweleni phakathi.+ Benifanele niwudle okunene endaweni engcwele, kanye njengoko ndayalelwayo.”+ 19  Ngoko wathetha uAron kuMoses esithi: “Khangela! Namhlanje baye basondeza umnikelo wabo wesono nomnikelo wabo otshiswayo phambi koYehova,+ ngoxa ndiye ndehlelwa zezi zinto; yaye ukuba bendiwudlile umnikelo wesono namhlanje, ngaba ubuya kukholeka na emehlweni kaYehova?”+ 20  Akukuva oko uMoses, kwakholeka emehlweni akhe.

Umbhalo osemazantsi