I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Levitikus 1:1-17

1  Wandula uYehova wabiza uMoses waza wathetha kuye esententeni yokuhlangana,+ esithi:  “Thetha koonyana bakaSirayeli,+ uthi kubo, ‘Ukuba kwenzekile umntu kuni wasondeza kuYehova umnikelo wesilwanyana sasekhaya, nowusondeza umnikelo lowo wenu niwuthabatha emhlambini weenkomo nasemhlambini wezimvu.  “‘Ukuba umnikelo wakhe ngumnikelo otshiswayo+ wasemhlambini,+ ufanele asondeze iduna eliphilileyo. Wolisondeza emnyangweni wentente yokuhlangana ngokuzithandela kwakhe phambi kukaYehova.+  Yaye umele abeke isandla sakhe phezu kwentloko yomnikelo lowo utshiswayo, wothi ke wona wamkelwe+ ngenkoliseko aze acanyagushelwe.+  “‘Liya kwandula ke ithole elo eliyinkunzi yenkomo lixhelwe phambi koYehova; baze oonyana baka-Aron, ababingeleli,+ balisondeze igazi, bafefe ngegazi elo bajikeleze isibingelelo,+ esisemnyangweni wentente yokuhlangana.  Yaye umele awuhlinze umnikelo otshiswayo aze awunqunqe ngokweenxalenye zawo.+  Oonyana baka-Aron, ababingeleli, bamele babeke umlilo phezu kwesibingelelo+ baze babeke iinkuni ngolungelelwano emlilweni lowo.+  Yaye oonyana baka-Aron, ababingeleli, bamele bawabeke ngolungelelwano amalungu lawo,+ nentloko, namanqatha, phezu kweenkuni ezisemlilweni ophezu kwesibingelelo.  Ke wona amathumbu+ awo namanqina awo aya kuhlanjwa ngamanzi; aqhumisele ngezo zinto zonke umbingeleli esibingelelweni zibe ngumnikelo otshiswayo, umnikelo wasemlilweni olivumba elithozamisayo kuYehova.+ 10  “‘Ukuba umnikelo wakhe otshiswayo uwuthabatha emhlambini,+ ematakaneni eegusha aziinkunzi okanye ezibhokhweni,+ wosondeza iduna eliphilileyo.+ 11  Yaye limele lixhelelwe ecaleni kwesibingelelo ngasentla phambi koYehova, baze oonyana baka-Aron, ababingeleli, balifefe igazi lalo bajikeleze isibingelelo.+ 12  Umele alinqunqe ngokweenxalenye zalo, nentloko yalo, namanqatha alo, aze azibeke ngolungelelwano umbingeleli phezu kweenkuni ezisemlilweni ophezu kwesibingelelo.+ 13  Uya kuwahlamba wona amathumbu+ namanqina+ ngamanzi; azisondeze umbingeleli zonke ezo zinto aze aqhumisele ngazo+ esibingelelweni. Ngumnikelo otshiswayo lowo, umnikelo wasemlilweni olivumba elithozamisayo kuYehova.+ 14  “‘Noko ke, ukuba umnikelo wakhe otshiswayo kuYehova uwuthabatha ezintakeni, ngoko umele awusondeze umnikelo wakhe ewuthabatha kumahobe asendle+ okanye kumantshontsho amavukuthu.+ 15  Wolisondeza umbingeleli esibingelelweni,+ aliqhawule intloko aze aqhumisele ngalo esibingelelweni, kodwa lona igazi lalo limele likhanywe ecaleni kwesibingelelo. 16  Yaye umele ayishenxise indlelo yalo neentsiba zalo aze azilahlele ecaleni kwesibingelelo, ngasempuma, kwindawo ekulahlelwa kuyo uthuthu olunamafutha.+ 17  Umele alicande emaphikweni alo. Angalahluli.+ Andule ke aqhumisele ngalo umbingeleli esibingelelweni phezu kweenkuni ezisemlilweni. Ngumnikelo otshiswayo lowo,+ umnikelo wasemlilweni olivumba elithozamisayo kuYehova.+

Umbhalo osemazantsi