I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IZililo 5:1-22

5  Kukhumbule, Yehova, oko kwenzekileyo kuthi.+ Khangela uze ulubone ungcikivo lwethu.+   Ilifa lethu linikelwe kwabasemzini, izindlu zethu kwabolunye uhlanga.+   Siziinkedama ezingenayise.+ Ooma banjengabahlolokazi.+   Amanzi ethu kuye kwafuneka siwasele ngemali.+ Iinkuni zethu ziza kuthi ngexabiso.   Intshutshiso iphezu kwentamo yethu.+ Sityhafile. Akukho kuphumla kuthi.+   Isandla sisinika+ iYiputa;+ iAsiriya,+ ukuze sifumane ulwaneliseko ngesonka.   Ookhokho bethu bonile.+ Abasekho. Thina ke, kuye kwafuneka sithwale iziphoso zabo.+   Silawulwa ngabakhonzi nje.+ Akukho bani usikhululayo esandleni sabo.+   Isonka sethu sisizuza ngokubeka umphefumlo wethu esichengeni,+ ngenxa yekrele lasentlango. 10  Ulusu lwethu luvutha njengeziko, ngenxa yenimba yokulamba.+ 11  Abafazi eZiyon bathotyiwe,+ iintombi ezinyulu kwizixeko zakwaYuda. 12  Iinkosana zixhonyiwe ngesandla nje sazo.+ Ubuso bamadoda amadala abubekwa.+ 13  Nabafana baphakamise ilitye lokuguba,+ namakhwenkwe nje akhubeke phambi kweenkuni.+ 14  Amadoda amadala ayekile esangweni,+ abafana emculweni wabo wezinto ezibethwayo.+ 15  Kuphelile ukugcoba kwentliziyo yethu. Ukungqungqa kwethu kutshintshwe kwaba kukuzila nje.+ 16  Siwile isithsaba sentloko yethu.+ Yeha, ke kaloku, kuthi, ngenxa yokuba sonile!+ 17  Ngenxa yoku intliziyo yethu iyagula.+ Ngenxa yezi zinto amehlo ethu anorhatyazo,+ 18  Ngenxa yentaba yaseZiyon ephanzileyo;+ iimpungutye zihambe kuyo.+ 19  Wena ke, Yehova, uya kuhlala ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Itrone yakho ikwisizukulwana ngesizukulwana.+ 20  Kutheni na ukuze usilibale ngonaphakade,+ ukuze usishiye imihla emide?+ 21  Sibuyisele kuwe,+ Yehova, yaye siya kukulungela ukubuya. Sizisele imihla emitsha njengakudala.+ 22  Noko ke, ngokuqinisekileyo usigatyile.+ Ucaphuke kakhulu kuthi.+

Umbhalo osemazantsi