I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IZenzo 6:1-15

6  Ke kaloku ngale mihla, bakwanda abafundi, kwavela ukumbombozela kuwo amaYuda athetha isiGrike+ nxamnye namaYuda athetha isiHebhere, ngenxa yokuba abahlolokazi bawo babengananzwa kulwabiwo lwamihla le.+  Ngoko abalishumi elinesibini bayibizela kubo inkitha yabafundi baza bathi: “Akukholekanga ngathi ukuba sishiye ilizwi likaThixo ukuze sabe ukutya ezitafileni.+  Ngoko, bazalwana, zifuneleni+ amadoda avunyiweyo asixhenxe phakathi kwenu, azele ngumoya nobulumko,+ ukuze siwamisele phezu kwalo mcimbi uyimfuneko;  kodwa thina siya kuzinikela emthandazweni nakubulungiseleli belizwi.”+  Yaye le nto yathethwayo yakholeka kwinkitha iphela, yaza yakhetha uStefano, indoda ezele lukholo nomoya oyingcwele,+ noFilipu+ noProkhoro noNikanore noTimon noParmena noNikolawo, umngeni ebuYudeni wakwa-Antiyokwe;  bababeka phambi kwabapostile, baza, emva kokuba bethandazile, bababeka izandla.+  Ngenxa yoko ilizwi likaThixo laqhubeka likhula,+ nenani labafundi landa kakhulu eYerusalem;+ yaye isihlwele esikhulu sababingeleli+ saluthobela+ ukholo.  Ke kaloku uStefano, ezele lubabalo namandla, wayesenza imihlola nemiqondiso+ emikhulu phakathi kwabantu.  Kodwa kwesuka bantu bathile kwabo kwakusithiwa ngabeNdlu Yesikhungu yabaKhululwa, nabamaKirene nabama-Aleksandriya+ nabo baseKilikiya+ naseAsiya, baphikisana noStefano; 10  ukanti abazange babe nakumelana nobulumko+ nomoya awayethetha ngawo.+ 11  Bandula ke ngokufihlakeleyo baqhubela amadoda athile ukuba athi:+ “Simve ethetha amazwi onyeliso+ nxamnye noMoses noThixo.” 12  Yaye baxhokonxa abantu namadoda amakhulu nababhali, baza bamfikela ngequbuliso, bamthabatha ngokumnyanzela bamsa kwiSanhedrin.+ 13  Yaye bazisa ngaphambili amangqina obuxoki,+ awathi: “Lo mntu akayeki ukuthetha izinto ezinxamnye nale ndawo ingcwele nezinxamnye noMthetho.+ 14  Ngokomzekelo, simve esithi lo Yesu umNazarete uya kuyidiliza le ndawo aze awatshintshe namasiko awawanikela kuthi uMoses.” 15  Njengoko bonke abo babehleli kwiSanhedrin babondele kuye,+ babona ukuba ubuso bakhe babunjengobuso bengelosi.+

Umbhalo osemazantsi