I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

ISityhilelo 9:1-21

9  Neyesihlanu ingelosi yavuthela ixilongo layo.+ Yaye ndabona inkwenkwezi+ eyayiwele emhlabeni ivela ezulwini, yaza yanikwa isitshixo+ somhadi wenzonzobila.+  Yawuvula umhadi wenzonzobila, kwaza kwenyuka umsi+ uphuma emhadini apho njengomsi weziko elikhulu,+ lamnyama ilanga+ nomoya ngumsi womhadi lowo.  Emsini apho kwaphuma iinkumbi+ zaya emhlabeni; zanikwa igunya elifanayo neloonomadudwane+ bomhlaba.  Zaxelelwa ukuba zonakalise kungekhona utyani bomhlaba nayo nayiphi na into eluhlaza nawo nawuphi na umthi, kodwa kuphela abo bantu bangenalo itywina likaThixo emabunzini abo.+  Yaye ezo nkumbi zanikwa, kungekhona igunya lokubabulala, kodwa elokubathuthumbisa+ iinyanga ezintlanu, kwaye ukuthuthunjiswa kwabo kwakunjengokuthuthumbisa kukanomadudwane+ xa athe wahlaba umntu.  Ngaloo mihla abantu baya kukufuna ukufa,+ bangakufumani, baya kukunqwenela ukufa, kusuke ukufa kusabe kubo.  Imfano yeenkumbi yayinentsobi yamahashe+ alungiselelwe idabi; yaye ezintlokweni zazo kwakukho oko kwakubonakala ngathi zizithsaba ezinjengegolide, nobuso bazo babunjengobuso babantu,+  kodwa zazineenwele ezinjengeenwele+ zabafazi. Amazinyo azo ayenjengalawo eengonyama;+  yaye zazinezigcina-zifuba+ ezinjengezigcina-zifuba zentsimbi. Isandi samaphiko azo sasinjengesandi seenqwelo zamahashe+ amaninzi, ebaleka esiya edabini.+ 10  Kanjalo, zinemisila nezamvila njengoonomadudwane;+ yaye emisileni yazo ligunya lazo lokwenzakalisa abantu iinyanga ezintlanu. 11  Zinokumkani phezu kwazo, ingelosi yenzonzobila.+ NgesiHebhere igama lakhe nguAbhadon, kodwa ngesiGrike unegama elinguApoliyon.+ 12  Omnye uyeha udlule. Khangela! Ooyeha+ ababini abangakumbi bayeza emva kwezi zinto. 13  Neyesithandathu ingelosi+ yavuthela ixilongo+ layo. Yaye ndeva elinye ilizwi+ liphuma ezimpondweni zesibingelelo segolide+ esiphambi koThixo 14  lisithi kwingelosi yesithandathu, eyayinexilongo: “Zikhulule iingelosi+ ezine ezibotshwe+ ngakumlambo omkhulu umEfrate.”+ 15  Zaza iingelosi ezine zakhululwa, ezibe zilungiselelwe ilixa nemini nenyanga nonyaka, ukuba zibulale isinye kwisithathu sabantu. 16  Yaye inani lemikhosi yamahashe lalingamashumi amabini amawaka aphindwe ngeshumi lamawaka: ndaliva inani layo. 17  Kwaye le yindlela endawabona ngayo amahashe embonweni, nabo babehleli phezu kwawo: babenezigcina-zifuba ezibomvu bumlilo neziluhlaza buhakinto nezilubhelu busalfure; neentloko zamahashe zazinjengeentloko zeengonyama,+ nasemilonyeni yawo kwakuphuma umlilo nomsi nesalfure.+ 18  Ngezi zibetho zithathu isinye kwisithathu sabantu sabulawa, ngomlilo nomsi nesalfure eyaphuma emilonyeni yawo. 19  Kuba igunya lala mahashe lisemilonyeni yawo nasemisileni yawo; imisila yawo injengeenyoka+ yaye ineentloko, kwaye ngayo ayonakalisa. 20  Kodwa abanye abantu abangazange babulawe zezi zibetho abazange baguquke kwimisebenzi yezandla zabo,+ baze bayeke ukunqula iidemon+ nezithixo zegolide nezesilivere+ nezobhedu nezelitye nezomthi, ezingenako ukubona nokuva nokuhamba;+ 21  yaye abazange baguquke ekubulaleni+ kwabo nakuqheliselo lwabo lokusebenzelana nemimoya+ nakuhenyuzo lwabo nakubusela babo.

Umbhalo osemazantsi