I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

ISityhilelo 8:1-13

8  Xa yalivulayo+ elesixhenxe itywina,+ kwathi cwaka ezulwini kangangesiqingatha seyure.  Ndaza ndabona iingelosi+ ezisixhenxe ezima phambi koThixo, zinikwa amaxilongo asixhenxe.  Kwafika enye ingelosi yaza yema esibingelelweni,+ inesitya sesiqhumiso segolide; yanikwa isiqhumiso+ esininzi ukuba isinikele kunye nemithandazo yabo bonke abo bangcwele phezu kwesibingelelo segolide esasiphambi kwetrone.  Yaye umsi wesiqhumiso wenyuka esandleni sengelosi leyo kunye nemithandazo+ yabo bangcwele phambi koThixo.  Yandula ke ingelosi leyo yasithabatha isitya sesiqhumiso, yasizalisa ngenxalenye yomlilo+ wesibingelelo yaza yawuphosa emhlabeni.+ Ngoko kwabakho iindudumo+ namazwi nemibane+ nenyikima yomhlaba.+  Zaza iingelosi ezisixhenxe ezinamaxilongo+ asixhenxe+ zalungiselela ukuwavuthela.  Eyokuqala yavuthela ixilongo layo. Kwabakho isichotho nomlilo+ ziphithikezwe negazi, kwaza oko kwaphoswa emhlabeni; saza isinye kwisithathu somhlaba satshiswa,+ nesinye kwisithathu semithi satshiswa, nabo bonke utyani obuluhlaza+ batshiswa.  Neyesibini ingelosi yavuthela ixilongo layo. Yaye okuthile okunjengentaba enkulu+ evutha ngumlilo kwaphoswa elwandle.+ Saza isinye kwisithathu solwandle saba ligazi;+  nesinye kwisithathu sezidalwa eziselwandle ezinemiphefumlo safa,+ yaye isinye kwisithathu sezikhephe saphuka. 10  Neyesithathu ingelosi yavuthela ixilongo layo. Yaye inkwenkwezi enkulu evutha njengesibane yawa ezulwini,+ yawela phezu kwesinye kwisithathu semilambo naphezu kwemithombo yamanzi.+ 11  Igama lenkwenkwezi leyo libizwa ngokuba nguMhlonyane. Saza isinye kwisithathu samanzi sajika sangumhlonyane, yaye abaninzi ebantwini bafa ngamanzi lawo, ngenxa yokuba ayenziwe akrakra.+ 12  Neyesine ingelosi yavuthela ixilongo layo. Saza isinye kwisithathu selanga sabethwa nesinye kwisithathu senyanga nesinye kwisithathu seenkwenkwezi, ukuze isinye kwisithathu sazo senziwe mnyama+ nemini ingabi nalo ukhanyiso lwesinye kwisithathu+ sayo, nobusuku ngokunjalo. 13  Ndaza ndabona, ndeva ukhozi+ luphaphazela esazulwini sezulu+ lusithi ngelizwi elikhulu: “Yeha, yeha, yeha+ abo bemiyo phezu komhlaba ngenxa yezinye izandi zamaxilongo eengelosi ezintathu ezisele ziza kuvuthela amaxilongo azo!”+

Umbhalo osemazantsi