I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

ISityhilelo 6:1-17

6  Ndabona xa iMvana+ yalivulayo elinye lamatywina+ asixhenxe, ndaza ndeva esinye sezidalwa+ eziphilayo ezine sisithi ngelizwi elingathi lelendudumo: “Yiza!”+  Yaye khangela! ndabona nalo ihashe+ elimhlophe; lowo wayehleli+ phezu kwalo wayenesaphetha;+ yaye wanikwa isithsaba,+ waza waphuma esoyisa+ nokuze akuphelelise ukoyisa kwakhe.+  Xa yalivulayo elesibini itywina, ndeva isidalwa+ esiphilayo sesibini sisithi: “Yiza!”  Kwaphuma elinye ihashe elimbala ubumlilorha; lowo wayehleli phezu kwalo wanikwa ukuba asuse uxolo emhlabeni ukuze babulalane ngogonyamelo; wanikwa nekrele elikhulu.+  Xa yalivulayo+ elesithathu itywina, ndeva isidalwa esiphilayo+ sesithathu sisithi: “Yiza!” Yaye khangela! ndabona nalo ihashe elimnyama; lowo wayehleli phezu kwalo wayenesikali+ esandleni sakhe.  Ndaza ndeva ilizwi ngokungathi kuphakathi+ kwezidalwa eziphilayo ezine+ lisithi: “Ilitha yengqolowa iya kubiza idenariyo,+ neelitha ezintathu zerhasi zibize idenariyo; ioli yomnquma newayini uze ungayonakalisi.”+  Xa yalivulayo elesine itywina, ndeva ilizwi lesidalwa esiphilayo sesine+ lisithi: “Yiza!”  Yaye khangela! nalo ihashe eliluthuthu; lowo wayehleli phezu kwalo wayenguKufa igama lakhe. Kwaye iHadesi+ yayimlandela ngokusondeleyo. Banikwa igunya phezu kwenxalenye yesine yomhlaba, lokubulala ngekrele elide+ nangokunqongophala kokutya+ nangesibetho esibulalayo nangamarhamncwa+ omhlaba.  Xa yalivulayo elesihlanu itywina, ndabona phantsi kwesibingelelo+ imiphefumlo+ yabo babulawa+ ngogonyamelo ngenxa yelizwi likaThixo nangenxa yomsebenzi wokungqina+ ababefudula benawo. 10  Yaye badanduluka ngelizwi elikhulu, besithi: “Koda kube nini na, Nkosi enguMongami+ ongcwele noyinyaniso,+ uyekile ukugweba+ nokuphindezelela igazi lethu+ kwabo bahleli emhlabeni?” 11  Ngamnye wabo wanikwa umwunduzo omhlophe;+ baza baxelelwa ukuba basaya kuphumla ithuba elincinane, lide liphelele inani labazalwana babo abangamakhoboka angamadlelane abo, ababesele beza kubulawa+ nabo njengabo. 12  Ndabona xa yalivulayo elesithandathu itywina, kwaza kwabakho inyikima yomhlaba enkulu; ilanga laba mnyama njengerhonya+ loboya, nenyanga iphela yaba njengegazi,+ 13  neenkwenkwezi zezulu zawela emhlabeni, njengaxa umkhiwane ogungqiswa ngumoya omkhulu uwisa amakhiwane awo angavuthwanga. 14  Laza izulu lemka njengomsongo osongwayo,+ zonke iintaba nazo zonke iziqithi zashenxiswa kwiindawo zazo.+ 15  Ookumkani bomhlaba nabo bakuluhlu oluphezulu nabaphathi-mikhosi nezityebi nabo bomeleleyo nawo onke amakhoboka nabo bonke abantu abakhululekileyo bazifihla emiqolombeni nasemaweni+ eentaba. 16  Yaye babesithi kwiintaba nakumawa: “Siweleni+ nize nisifihle ebusweni baLowo uhleli etroneni+ nakuyo ingqumbo yeMvana,+ 17  ngenxa yokuba ifikile imini enkulu+ yengqumbo yabo,+ ngubani na onako ukuma?”+

Umbhalo osemazantsi