I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

ISityhilelo 5:1-14

5  Yaye ndabona kwisandla sasekunene saLowo uhleli etroneni+ umsongo obhalwe ngaphakathi nangaphandle,+ utywinwe+ ngokuqinileyo ngamatywina asixhenxe.  Ndaza ndabona ingelosi eyomeleleyo ibhengeza ngelizwi elikhulu isithi: “Ngubani na okufaneleyo ukuwuvula umsongo aze akhulule amatywina awo?”  Kodwa akubangakho namnye ezulwini nasemhlabeni naphantsi komhlaba ukwaziyo ukuwuvula umsongo okanye ukukhangela kuwo.  Ndaza ndalila kakhulu ngenxa yokuba kungekho bani wafunyanwayo owayekufanele ukuvula umsongo okanye ukukhangela kuwo.+  Kodwa omnye wabadala uthi kum: “Musa ukulila. Khangela! INgonyama yesizwe sikaYuda,+ ingcambu+ kaDavide,+ yoyisile,+ ikufanele ukuwuvula umsongo namatywina awo asixhenxe.”  Ndabona phakathi kwetrone+ nezidalwa eziphilayo ezine naphakathi kwabadala+ kumi imvana+ eyayingathi ixheliwe,+ ineempondo ezisixhenxe namehlo asixhenxe, mehlo lawo athetha oomoya+ abasixhenxe bakaThixo abo baye bathunyelwa emhlabeni uphela.  Yeza, yawuthabatha kwaoko esandleni sasekunene saLowo uhleli etroneni.+  Yathi yakuwuthabatha umsongo, izidalwa eziphilayo ezine nabadala+ abangamashumi amabini anesine bawa phantsi phambi kweMvana, ngamnye enohadi+ nezitya zegolide ezazizele ziziqhumiso, kwaye iziqhumiso+ zithetha imithandazo+ yabo bangcwele.  Baza bavuma ingoma+ entsha, besithi: “Ukufanele ukuwuthabatha umsongo uze uvule amatywina awo, ngenxa yokuba waxhelwa waza ngegazi+ lakho wathengela+ uThixo+ abantu bephuma kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga, 10  waza wabenza baba bubukumkani+ nababingeleli+ kuThixo+ wethu, yaye baza kulawula njengookumkani+ phezu komhlaba.” 11  Ndabona, ndaza ndeva ilizwi leengelosi ezininzi ezijikeleze itrone nezidalwa eziphilayo nabadala, yaye inani lazo lalingamashumi amawaka aphindwe ngamashumi amawaka+ namawaka amawaka,+ 12  zisithi ngelizwi elikhulu: “IMvana eyaxhelwayo+ ikufanele ukwamkela amandla nobutyebi nobulumko nokomelela nembeko nozuko nentsikelelo.”+ 13  Ndaza ke ndaziva zonke izidalwa ezisezulwini nezisemhlabeni+ nezingaphantsi komhlaba neziselwandle, nazo zonke izinto ezikuzo, zisithi: “KuLowo uhleli etroneni+ nakuyo iMvana+ makubekho intsikelelo nembeko+ nozuko+ namandla ngonaphakade kanaphakade.” 14  Zaza izidalwa eziphilayo ezine zathi: “Amen!” nabadala+ bawa phantsi, banqula.+

Umbhalo osemazantsi