I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

ISityhilelo 4:1-11

4  Emva kwezi zinto ndabona, yaye, khangela! umnyango ovulekileyo ezulwini, nelizwi lokuqala endalivayo lalingathi lelexilongo,+ lithetha nam, lisithi: “Nyukela apha,+ ndikubonise izinto ezimele zenzeke.”+  Emva kwezi zinto ngoko nangoko ndaba kumandla omoya: yaye, khangela! nantso itrone+ imi endaweni yayo ezulwini,+ kukho ohleliyo etroneni leyo.+  Yaye lowo uhleliyo, ngembonakalo,+ unjengelitye leyaspisi+ nelitye elimbala ubomvu elixabisekileyo, itrone ijikelezwe ngumnyama+ onjenge-emeraldi+ ngembonakalo.  Yaye itrone ijikelezwe ziitrone ezingamashumi amabini anesine, kwaye kwezi trone+ ndabona kuhleli abadala+ abangamashumi amabini anesine+ bembethe izambatho zangaphezulu ezimhlophe,+ ibe ezintlokweni zabo izizithsaba zegolide.+  Apho etroneni kuphuma imibane+ namazwi neendudumo;+ yaye kukho izibane+ ezisixhenxe zomlilo zivutha phambi kwetrone, zona zithetha oomoya+ abasixhenxe bakaThixo.  Naphambi kwetrone kukho, ngokungathi kunjalo, ulwandle+ olubuglasi lunjengekristale. Phakathi kwetrone nangokujikeleze itrone kukho izidalwa+ eziphilayo ezine ezizele ngamehlo ngaphambili nangasemva.  Esokuqala isidalwa esiphilayo sinjengengonyama,+ esesibini isidalwa esiphilayo sinjengethole lenkomo eliyinkunzi,+ esesithathu isidalwa esiphilayo+ sinobuso obunjengobomntu, yaye esesine isidalwa esiphilayo+ sinjengokhozi oluphaphazelayo.+  Zona ke izidalwa eziphilayo ezine,+ ngasinye sazo sinamaphiko amathandathu;+ zizele ngamehlo+ azijikelezileyo nangaphantsi. Kwaye aziphumli imini nobusuku njengoko zisithi: “Ungcwele, ungcwele, ungcwele uYehova+ uThixo, uSomandla,+ lowo wayekho nokhoyo+ nozayo.”  Xa sukuba izidalwa eziphilayo zinikela uzuko nembeko nombulelo+ kuLowo uhleli etroneni,+ Lowo uphila ngonaphakade kanaphakade,+ 10  abadala+ abangamashumi amabini anesine bawa phantsi phambi kwaLowo uhleli etroneni, bamnqule+ Lowo uphila ngonaphakade kanaphakade, baze baphose izithsaba zabo phambi kwetrone, besithi: 11  “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko+ nembeko+ namandla,+ ngenxa yokuba wadala zonke izinto,+ nangenxa yokuthanda kwakho+ zabakho yaye zadalwa.”+

Umbhalo osemazantsi