I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

ISityhilelo 17:1-18

17  Enye yeengelosi ezisixhenxe ezazinezitya ezisixhenxe+ yeza yathetha nam, isithi: “Yiza, ndikubonise umgwebo wehenyukazi+ elikhulu elihleli phezu kwamanzi amaninzi,+  abahenyuze+ nalo ookumkani bomhlaba, baza abemi bomhlaba banxiliswa yiwayini yohenyuzo lwalo.”+  Yandithwalela entlango emandleni omoya.+ Ndaza ndabona umfazi ehleli phezu kwerhamncwa+ elimbala ungqombela, lizele ngamagama onyeliso,+ lineentloko+ ezisixhenxe neempondo ezilishumi.  Umfazi lowo wayevathiswe ngezimfusa+ nezingqombela,+ ehonjiswe ngegolide nelitye elixabisekileyo neeperile,+ enendebe yegolide+ esandleni sakhe, izele zizinto ezilizothe+ nezinto ezingahlambulukanga zohenyuzo lwakhe.+  Ebunzini lakhe kwakubhalwe igama, imfihlelo:+ “IBhabhiloni Enkulu, unina wamahenyukazi+ nowezinto ezilizothe zomhlaba.”+  Ndambona umfazi lowo enxilile ligazi+ labangcwele naligazi lamangqina kaYesu.+ Ndithe ndakumbona ndamangaliswa ngomangaliseko olukhulu.+  Yathi kum ingelosi: “Kutheni na wamangaliswa? Ndiza kukuxelela imfihlelo ngalo mfazi+ nangerhamncwa eli limthweleyo, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi:+  Irhamncwa owalibonayo lalikho,+ kodwa alikho, ukanti sele liza kunyuka liphume enzonzobileni,+ yaye liza kuya entshabalalweni. Baya kumangaliswa bancome abo bemiyo phezu komhlaba, xa belibona eli rhamncwa elaye likho, elingekhoyo, likho noko, kodwa amagama abo akabhalwanga kumsongo wobomi+ ukususela ekusekweni kwehlabathi.+  “Nantsi ke inkcazelo yobulumko yako konke oku:+ Iintloko ezisixhenxe+ zithetha iintaba ezisixhenxe,+ ahleli phezu kwazo umfazi. 10  Yaye kukho ookumkani abasixhenxe: abahlanu bawile,+ omnye ukho,+ omnye akakafiki,+ kodwa xa athe wafika umele ahlale ithuba elifutshane.+ 11  Irhamncwa elalikho kodwa elingekhoyo,+ lona lingowesibhozo ukumkani, kodwa ophuma kwaba basixhenxe, kwaye liyemka liye entshabalalweni. 12  “Iimpondo ezilishumi ozibonileyo zithetha ookumkani abalishumi,+ abangekafumani bukumkani, kodwa bathi bafumane igunya njengookumkani ilixa elinye kunye nerhamncwa. 13  Bona banengcamango enye, yaye banikela amandla negunya labo kwirhamncwa.+ 14  Baya kulwa neMvana,+ kodwa, ngenxa yokuba iyiNkosi yeenkosi noKumkani wookumkani,+ iMvana iya kuboyisa.+ Ngokunjalo, nabo babiziweyo nabanyuliweyo nabathembekileyo abakunye nayo baya koyisa nabo.”+ 15  Yandula yathi kum: “Amanzi owabonileyo, apho lihleli khona ihenyukazi, athetha izizwana nezihlwele neentlanga neelwimi.+ 16  Iimpondo ezilishumi+ ozibonileyo, nerhamncwa,+ ngabo baya kulithiya ihenyukazi,+ baliphanzise, balihlube libe ze, bazidle iinxalenye zenyama yalo baze balitshise ngokupheleleyo ngomlilo.+ 17  Kuba uThixo ubeke oko ezintliziyweni zabo ukuba baphumeze ingcamango yakhe,+ baphumeze nengcamango yabo enye yokunikela ubukumkani babo kwirhamncwa,+ ade afezekiswe amazwi kaThixo.+ 18  Umfazi+ ombonileyo yena uthetha isixeko esikhulu esinobukumkani phezu kookumkani bomhlaba.”+

Umbhalo osemazantsi