I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

ISityhilelo 15:1-8

15  Ndabona ezulwini omnye umqondiso,+ omkhulu nomangalisayo, iingelosi ezisixhenxe+ zinezibetho ezisixhenxe.+ Ezi zezokugqibela, ngenxa yokuba ngazo umsindo+ kaThixo uphelelisiwe.+  Ndaza ndabona oko kwakubonakala ngathi lulwandle olubuglasi+ luphithikezwe nomlilo, kunye nabo baphumelela boyisile+ kwirhamncwa nakumfanekiso+ walo nakwinani+ legama lalo bemi ngakulwandle olubuglasi,+ beneehadi+ zikaThixo.  Bavuma ingoma kaMoses+ ikhoboka likaThixo nengoma yeMvana,+ besithi: “Mikhulu kwaye iyamangalisa imisebenzi yakho,+ Yehova, Thixo Somandla.+ Zibubulungisa yaye ziyinyaniso iindlela zakho,+ Kumkani kanaphakade.+  Ngubani na ongayi kukoyika ngokwenene wena,+ Yehova,+ aze azukise igama lakho,+ ngenxa yokuba inguwe wedwa onyanisekileyo?+ Kuba zonke iintlanga ziya kuza zinqule phambi kwakho,+ ngenxa yokuba imimiselo yakho yobulungisa ibonakalisiwe.”+  Emva koko ndabona ingcwele yentente+ yobungqina+ ivulekile ezulwini,+  kwaza kwathi gqi iingelosi ezisixhenxe+ ezinezibetho ezisixhenxe+ zivela engcweleni leyo, zambethe ilinen ecocekileyo, eqaqambileyo+ yaye zibhinqe imibhinqo yegolide ezifubeni zazo.  Saza esinye sezidalwa eziphilayo+ ezine sanika iingelosi ezisixhenxe izitya zegolide ezisixhenxe ezazizele ngumsindo kaThixo,+ ophila ngonaphakade kanaphakade.+  Nengcwele yazaliswa ngumsi ngenxa yozuko lukaThixo+ nangenxa yamandla akhe, yaye akukho bani wakwaziyo ukungena engcweleni zada zaphela izibetho+ ezisixhenxe zeengelosi ezisixhenxe.

Umbhalo osemazantsi