Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

ISityhilelo 11:1-19

11  Ke kaloku ndanikwa ingcongolo+ enjengentonga njengoko yayisithi: “Sukuma uze ulinganise ingcwele yetempile+ kaThixo nesibingelelo nabo banqulayo kuyo.  Kodwa yona intendelezo engaphandle+ kwengcwele yetempile, yiphosele phandle ngokupheleleyo ungayilinganisi, kuba inikelwe ezintlangeni,+ yaye ziya kusinyathela ngeenyawo isixeko+ esingcwele kangangeenyanga ezingamashumi amane anesibini.+  Ngokunjalo ndiya kumisa amangqina amabini+ ukuba aprofete+ imihla eliwaka elinamakhulu amabini anamashumi amathandathu ambethe amarhonya.”+  Wona afuziselwa yiminquma emibini+ neziphatho zezibane ezibini+ yaye ami phambi kweNkosi yomhlaba.+  Ukuba nabani na ufuna ukuwonakalisa, kuphuma umlilo emilonyeni yawo uze uziqwenge iintshaba zawo;+ uya kubulawa ngolo hlobo ke umntu ofuna ukuwonakalisa.  Wona anegunya lokulivala izulu+ ukuba kungani mvula+ ebudeni bemihla yokuprofeta kwawo, yaye anegunya phezu kwamanzi lokuwajika abe ligazi+ nelokuwubetha umhlaba ngalo lonke uhlobo lwesibetho ngokufuthi kangangoko enqwenela.  Xa ebufezile ubungqina bawo, kuya kunyuka irhamncwa liphuma enzonzobileni,+ lenze imfazwe nawo, liwoyise lize liwabulale.+  Kwaye izidumbu zawo ziya kuqungquluza endleleni ephangaleleyo yesixeko esikhulu eso ngengqiqo yokomoya sibizwa ngokuba yiSodom+ neYiputa, apho neNkosi yawo yabethelelwa khona.+  Abantu bezizwana nezizwe neelwimi neentlanga+ baya kukhangela kwizidumbu zawo kangangeentsuku ezintathu ezinesiqingatha,+ bangavumi ukuba izidumbu zawo zingcwatywe. 10  Abo bemiyo phezu komhlaba baya kuba nemihlali+ ngenxa yawo, baziyolise, bathumelelane nezipho,+ ngenxa yokuba aba baprofeti babini babebathuthumbisa abo bemiyo phezu komhlaba. 11  Emva kweentsuku+ ezintathu ezinesiqingatha umoya wobomi ovela kuThixo wangena kuwo,+ kwaye ema ngeenyawo zawo, baza abo bawabonayo bangenwa luloyiko olukhulu. 12  Yaye eva ilizwi+ elikhulu liphuma ezulwini lisithi kuwo: “Nyukelani apha.”+ Aza enyukela ezulwini ngelifu, ziwabona iintshaba zawo. 13  Kwaye ngelo lixa kwabakho inyikima enkulu yomhlaba, yaza inxalenye yeshumi+ yesixeko yawa; yaye abantu abangamawaka asixhenxe babulawa yinyikima, abanye bothuka baza bamzukisa uTHIXO wezulu.+ 14  Uyeha wesibini+ udlule. Khangela! Uyeha wesithathu uyeza ngokukhawuleza. 15  Neyesixhenxe ingelosi yavuthela ixilongo layo.+ Kwaza kwabakho amazwi amakhulu ezulwini, esithi: “Ubukumkani behlabathi buthe baba bubukumkani beNkosi+ yethu nobukaKristu+ wayo, yaye iya kulawula njengokumkani ngonaphakade kanaphakade.”+ 16  Yaye abadala+ abangamashumi amabini anesine ababehleli phambi koThixo kwiitrone zabo bawa ngobuso+ babo baza bamnqula uThixo,+ 17  besithi: “Siyakubulela,+ Yehova Thixo, onguSomandla,+ Lowo ukhoyo+ nowayekho, ngenxa yokuba uye wathabatha amandla+ akho amakhulu waza waqalisa ukulawula njengokumkani.+ 18  Kodwa iintlanga zaqumba, nengqumbo yakho yeza, nexesha elimisiweyo lokuba abafileyo bagwetywe, nokuwanika umvuzo+ wawo amakhoboka akho abaprofeti+ nabo bangcwele nabo baloyikayo igama lakho, abancinane nabakhulu,+ nokonakalisa+ abo bawonakalisayo umhlaba.”+ 19  Yaye ingcwele yetempile kaThixo leyo isezulwini+ yavulwa, yaza ityeya+ yomnqophiso wakhe yabonwa kuyo ingcwele yetempile yakhe.+ Kwaza kwabakho imibane namazwi neendudumo nenyikima yomhlaba nesichotho esikhulu.

Umbhalo osemazantsi