Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

ISityhi. 10:1-11

10  Ndabona enye ingelosi+ eyomeleleyo isihla ivela ezulwini, ivathiswe ngelifu,+ kwakukho umnyama entlokweni yayo, ubuso bayo bunjengelanga,+ neenyawo+ zayo zinjengeentsika zomlilo,  yaye esandleni sayo yayinomsongo omncinane uvulekile. Yabeka unyawo lwayo lwasekunene elwandle, lwaza olwasekhohlo lwasemhlabeni,+  yadanduluka ngelizwi elikhulu ngathi yingonyama+ igquma. Yathi yakudanduluka, iindudumo+ ezisixhenxe zavakalisa amazwi azo.  Ndithe xa ndiza kuyibhala into eyayithethwa ziindudumo ezisixhenxe, ndeva ilizwi liphuma ezulwini+ lisithi: “Zitywine izinto+ iindudumo ezisixhenxe ezizithethileyo, uze ungazibhali phantsi.”  Yaye ingelosi endayibonayo imi elwandle nasemhlabeni yaphakamisela ezulwini isandla sayo sasekunene,+  yaza ngaLowo uphila+ ngonaphakade kanaphakade,+ owadala izulu nezinto ezikulo nomhlaba+ nezinto ezikuwo nolwandle nezinto ezikulo,+ yafunga yathi: “Akusayi kulityaziswa;+  kodwa iya kuthi yakufika imihla yokuba ingelosi yesixhenxe+ ivuthele ixilongo+ layo, ipheleliswe imfihlelo engcwele+ kaThixo ngokweendaba ezilungileyo awazivakalisayo kumakhoboka akhe abaprofeti.”+  Kwakhona ilizwi+ endalivayo liphuma ezulwini lathetha nam lisithi: “Hamba, uwuthabathe umsongo ovulekileyo osesandleni sengelosi emi elwandle nasemhlabeni.”+  Ndaya ke kuyo ingelosi ndaza ndayicela ukuba indinike umsongo omncinane. Yathi kum: “Wuthabathe uze uwutye uwugqibe,+ kwaye uya kusenza krakra isisu sakho, kodwa emlonyeni wakho uya kuba mnandi njengobusi.” 10  Ndawuthabatha umsongo omncinane esandleni sengelosi ndaza ndawutya ndawugqiba,+ yaye emlonyeni wam wawumnandi njengobusi;+ kodwa xa ndawutyayo ndawugqiba, saba krakra isisu sam. 11  Baza bathi kum: “Umele uprofete kwakhona ngokubhekisele kwizizwana neentlanga neelwimi nookumkani abaninzi.”+

Umbhalo osemazantsi