I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 64:1-12

64  Owu ukuba nje kuphela ubungakrazula amazulu, ukuba ubungehla,+ ukuba ngenxa yakho zona kanye iintaba bezinganyikima,+  njengokuvuthisa komlilo iintsasa, uze umlilo ubilise amanzi, ukuze kwaziswe iintshaba zakho igama lakho,+ ukuze ngenxa yakho iintlanga ziphazamiseke!+  Ekwenzeni kwakho izinto ezoyikekayo+ ebesingenathemba lazo, wehla. Ngenxa yakho neentaba zanyikima.+  Yaye ukususela kwixesha lakudala akukho bani uvileyo, kungekho nandlebe ivileyo,+ kungekho naliso libone uThixo, ngaphandle kwakho,+ omsebenzelayo lowo uhlala enolindelo lwakhe.+  Uqubisene nalowo ugcobileyo nowenza ubulungisa,+ abo bahlala bekukhumbula ezindleleni zakho.+ Khangela! Wena wacaphuka,+ ngoxa thina sasisona+—sikuko oko ixesha elide, yaye sifanele sisindiswe na?+  Kwaye siba njengalowo ungahlambulukanga, thina sonke, yaye zonke izenzo zethu zobulungisa zinjengesambatho samathuba okuba sexesheni;+ yaye siya kunyamalala njengamagqabi,+ thina sonke, neziphoso zethu ziya kusithwalela kude kanye njengomoya.+  Akukho namnye obiza egameni lakho,+ akukho namnye ovukayo ukuze abambelele kuwe; kuba ubufihlile ubuso bakho kuthi,+ kwaye usibangele sanyibilika+ ngamandla esiphoso sethu.  Ngoku ke, Yehova, wena unguBawo.+ Siludongwe,+ yaye wena unguMbumbi wethu;+ thina sonke singumsebenzi wesandla sakho.+  Owu Yehova musa ukucaphuka, ngokugqithiseleyo,+ musa ukusikhumbula ngonaphakade isiphoso sethu.+ Ke kaloku, khawuncede ukhangele: sonke singabantu bakho.+ 10  Izixeko zakho ezingcwele+ ziye zaba yintlango. IZiyon+ iye yaba yintlango, iYerusalem yinkangala ephanzileyo.+ 11  Indlu yethu yobungcwele nobuhle,+ ababekudumisela kuyo ookhokho bethu,+ iye yaba yinto yokutshiswa ngomlilo;+ yaye zonke izinto zethu ezinqwenelekayo+ zibe yimpanziso. 12  Nangona kusenzeka ezi zinto uya kuqhubeka uzinqanda na,+ Yehova? Uya kuhlala uthe cwaka na uze usiyeke sixhwaleke ngokugqithileyo?+

Umbhalo osemazantsi