Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isa 63:1-19

63  Ngubani na lo uzayo evela kwaEdom,+ lo unezambatho ezinemibala eqaqambileyo evela eBhotsera,+ lo ubekekileyo ngesinxibo sakhe, uhamba ngamandla amakhulu? “Ndim, Lowo uthetha ngobulungisa,+ Lowo uphuphuma ngamandla okusindisa.”+  Kutheni na sabomvu isinxibo sakho, nezambatho zakho zanjengezalowo uxovula isixovulelo sewayini?+  “Umkhumbi wewayini ndiwunyathele ndedwa,+ ngoxa kwakungekho mntu ukunye nam kwizizwana. Ndazixovula ndinomsindo,+ yaye ndazinyathela ngobushushu bam.+ Negazi lazo elitsazayo lazitshiza izambatho zam,+ yaye ndisingcolise sonke isinxibo sam.  Kuba imini yempindezelo isentliziyweni yam,+ nonyaka wabo ndibahlawuleleyo ufikile.  Ndaqhubeka ndikhangela, kodwa kwakungekho mncedi; yaye ndaqalisa ukuzibonakalisa ndikhwankqisiwe, kodwa kwakungekho bani unikela inkxaso.+ Ngoko ingalo yam yandisindisa,+ nomsindo wam+ wandixhasa.  Ndazinyathela izizwana ngomsindo,+ kwaye ndabanxilisa ngobushushu bam ndaza ndalihlisela emhlabeni igazi labo elitsazayo.”+  Ndiya kukhankanya+ ububele bothando bukaYehova, iindumiso zikaYehova, ngako konke oko uYehova asenzele kona,+ kwanobuninzi bokulunga kwakhe kwindlu kaSirayeli+ asenzele yona ngokweenceba zakhe+ nangokobuninzi bobubele bakhe bothando.  Waza wahlabela mgama wathi: “Ngokuqinisekileyo bangabantu bam,+ oonyana abangayi kuba bubuxoki.”+ Ngoko waba nguMsindisi wabo.+  Ebudeni bokubandezeleka kwabo konke wabandezeleka.+ Yaye umthunywa wakhe wobuqu wabasindisa.+ Ngothando lwakhe nangemfesane yakhe wabahlawulela,+ waza waqalisa ukubaphakamisa nokubathwala yonke imihla yakudala.+ 10  Kodwa bona bavukela+ baza bawenza buhlungu umoya wakhe oyingcwele.+ Ke kaloku watshintsha waba lutshaba lwabo;+ yena walwa imfazwe nabo.+ 11  Waza lowo waqalisa ukukhumbula imihla yakudala, uMoses umkhonzi wakhe: “Uphi na Lowo wabanyusayo elwandle+ kunye nabalusi bomhlambi wakhe?+ Uphi na Lowo wabeka ngaphakathi kwakhe umoya Wakhe oyingcwele?+ 12  Lowo uhambisa ingalo Yakhe entle+ ngasesandleni sasekunene sikaMoses; Lowo wahlukanisa amanzi phambi kwabo+ ukuze azenzele igama elihlala ngokungenammiselo;+ 13  Lowo wenza ukuba bahambe emanzini enzonzobila khon’ ukuze, njengehashe entlango, bangakhubeki?+ 14  Kanye njengoko isilo sisihla siye kwithafa elisentlanjeni, wona kanye umoya kaYehova wabenza baphumla.”+ Ngaloo ndlela wabakhokela abantu bakho ukuze uzenzele igama elihle.+ 15  Khangela usezulwini+ uze ubone ukwindawo yakho yokuhlala ephakamileyo yobungcwele nobuhle.+ Iphi na inzondelelo yakho+ namandla akho ephela, ingxokolo yezibilini zakho,+ neenceba zakho?+ Zithintelekile kum.+ 16  Kuba wena unguBawo;+ nangona esenokuba uAbraham akasazanga noSirayeli akasiqondanga, wena, Yehova, unguBawo. Igama lakho unguMhlawuleli wethu wakudala.+ 17  Owu Yehova, kutheni na usiphambukisa ezindleleni zakho? Kutheni na uzenza lukhuni iintliziyo zethu zingakoyiki?+ Buya ngenxa yabakhonzi bakho, izizwe zelifa lakho.+ 18  Okwethutyana abantu+ abangcwele bebenelifa. Iintshaba zethu ziyinyathele ingcwele yakho.+ 19  Kangangexesha elide siye sanjengabo ungazange ubalawule, njengabo igama lakho lingazange libizwe phezu kwabo.+

Umbhalo osemazantsi