Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 62:1-12

62  Ngenxa yeZiyon andiyi kuthi cwaka,+ nangenxa yeYerusalem+ andiyi kuzola de ubulungisa bayo buphume njengokuqaqamba,+ nosindiso lwayo njengesikhuni somlilo esivuthayo.+  “Kwaye ngokuqinisekileyo iintlanga ziya kububona ubulungisa+ bakho, mfazindini,+ nookumkani bonke babubone ubuqaqawuli bakho.+ Yaye okunene uya kubizwa ngegama elitsha,+ elo liya kutyunjwa ngumlomo kaYehova.  Uya kuba sisithsaba sobuhle esandleni sikaYehova,+ nonkontsho lobukumkani entendeni kaThixo wakho.  Akuyi kuba sathiwa kuwe ungumfazi oshiywe ngokupheleleyo;+ nelizwe lakho akuyi kuba sathiwa liphanzile;+ kodwa wena uya kubizwa ngokuthi Oluyolo Lwam Lukuye,+ nelizwe lakho ngokuthi nguMfazi onoMnini wakhe. Kuba uYehova uya kube eyoliswa nguwe, nelizwe lakho liya kuba lelomnini othile njengomfazi.+  Kuba kanye njengoko umfana esenza intombi enyulu ibe ngumfazi wakhe, oonyana bakho baya kukwenza umfazi.+ Nangokugcoba komyeni ngenxa yomtshakazi wakhe,+ uThixo wakho uya kugcoba ngenxa yakho.+  Ndimisele abalindi phezu kweendonga zakho, Yerusalem.+ Imini yonke nobusuku bonke, rhoqo, mabangathi cwaka.+ “Nina nikhankanya uYehova,+ musani ukuthula,+  kwaye ningamniki ukuthula ade ayizinzise ngokuqinileyo, ewe, ade ayimise iYerusalem ibe yindumiso emhlabeni.”+  UYehova ufunge isandla sakhe sasekunene+ nengalo yakhe eyomeleleyo wathi:+ “Andisayi kuba sazinika iintshaba zakho+ ukudla kwakho okuziinkozo ukuba ibe kukudla kuzo, nabasemzini abayi kuyisela iwayini yakho entsha,+ obulaleke ngayo.  Kodwa bona kanye abo bayihlanganisileyo baya kukudla, yaye ngokuqinisekileyo baya kumdumisa uYehova; baze abo bayiqokelelayo bayisele ezintendelezweni zam ezingcwele.”+ 10  Phumani, phumani ngamasango. Hlahlani indlela yabantu.+ Fumbani, fumbani uhola wendlela. Susani amatye kuyo.+ Phakamiselani izizwana umqondiso.+ 11  Khangela! UYehova uvakalise oku nakwezona nxalenye zithe qelele zomhlaba:+ “Yithini kwintombi yaseZiyon,+ ‘Khangela! Usindiso lwakho luyeza.+ Khangela! Umvuzo awunikelayo unaye,+ nentlawulo ayihlawulayo iphambi kwakhe.’”+ 12  Ngokuqinisekileyo abantu baya kubabiza ngokuba ngabantu abangcwele,+ abo bahlawulelweyo nguYehova;+ yaye wena uya kubizwa ngokuba ungoFuniweyo, isiXeko Esingashiywanga Ngokupheleleyo.+

Umbhalo osemazantsi