I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 60:1-22

60  “Sukuma,+ mfazi, ukhanyise,+ kuba kufikile+ ukukhanya kwakho, nobuqaqawuli bukaYehova bukhanyisile phezu kwakho.+  Kuba, khangela! ubumnyama+ buya kuwugubungela umhlaba, nesithokothoko amaqela eentlanga; kodwa phezu kwakho uYehova uya kukhanyisa, bubonakale phezu kwakho ubuqaqawuli bekhe.+  Yaye ngokuqinisekileyo iintlanga ziya kuya ekukhanyeni kwakho,+ nookumkani+ ekuqaqambeni kokukhanyisa kwakho.+  “Phakamisa amehlo akho macala onke uze ubone! Bonke baqokelelene ndawonye;+ beze kuwe.+ Oonyana bakho beza bevela kude, neentombi zakho eziza kunyanyekelwa ephangweni.+  Ngelo xesha uya kubona uze ngokuqinisekileyo ukhazimle,+ yaye okunene intliziyo yakho iya kugubha ize yande, ngenxa yokuba indyebo yolwandle iya kuzizisa kuwe; bona kanye ubuncwane beentlanga buya kuza kuwe.+  Inkitha yeenkamela iya kukugubungela, amathole eenkunzi zeenkamela akwaMidiyan nawakwaEfa.+ Bonke abo bavela eShebha+—baya kuza. Baya kuthwala igolide nentlaka yokuqhumisa. Kwaye baya kwazisa iindumiso zikaYehova.+  Yonke imihlambi yakwaKedare+—iya kuqokelelwa ndawonye kuwe. Iinkunzi zeegusha zakwaNebhayoti+—ziya kukulungiselela.+ Ziya kunyukela esibingelelweni sam ngenkoliseko,+ yaye ndiya kuyihombisa indlu yam ngobuhle.+  “Ngoobani na abaya beza bephaphazela njengelifu,+ nanjengamahobe esiya emakrobeni awo?  Kuba iziqithi ziya kuhlala zithembele kum,+ iinqanawa zaseTarshishe+ njengasekuqaleni, ukuze kuziswe oonyana bakho bevela kude,+ isilivere yabo negolide yabo ikunye nabo,+ egameni+ likaYehova uThixo wakho nakuLowo Ungcwele kaSirayeli,+ kuba uya kube ekuhombisile.+ 10  Nabasemzini okunene baya kwakha iindonga zakho,+ nookumkani babo baya kulungiselela kuwe;+ kuba ndiya kube ndikubethe ndicaphukile,+ kodwa ngenkoliseko yam ngokuqinisekileyo ndiya kuba nenceba phezu kwakho.+ 11  “Namasango akho okunene aya kuhlala evuliwe rhoqo;+ akayi kuvalwa emini okanye ebusuku, ukuze kuziswe kuwe ubuncwane beentlanga,+ nookumkani bazo baya kukhokela.+ 12  Kuba naluphi na uhlanga nabo nabuphi na ubukumkani obungayi kukukhonza buya kutshabalala; neentlanga nakanjani na ziya kuphanza.+ 13  “Lona kanye uzuko lweLebhanon luya kuza kuwe, umthi wejunipha, umthi womqwehle nomsipres ngaxeshanye,+ ukuze kuhonjiswe indawo yengcwele yam;+ kwaye ndiya kuyizukisa indawo yeenyawo zam.+ 14  “Oonyana babo bakuxhwalekisayo bamele baye kuwe, baqubude;+ nabo bonke abo bakuphatha ngokungenantlonelo bamele bagobe phantsi ezintendeni zeenyawo zakho,+ yaye kuya kufuneka bakubize ngokuba usisixeko sikaYehova, iZiyon+ yaLowo Ungcwele kaSirayeli. 15  “Esikhundleni sokuba ube ngoshiywe ngokupheleleyo nothiyiweyo, kungabikho bani udlulayo,+ ndiya kukumisa ube yinto yokuqhayisa ukusa kwixesha elingenammiselo, ukugcoba kwezizukulwana ngezizukulwana.+ 16  Okunene uya kwanya ubisi lweentlanga,+ yaye uya kwanya+ amabele ookumkani; kwaye ngokuqinisekileyo uya kwazi ukuba mna, Yehova,+ ndinguMsindisi wakho,+ naLowo+ unaMandla kaYakobi nguMhlawuleli wakho.+ 17  Esikhundleni sobhedu ndiya kuzisa igolide,+ esikhundleni sentsimbi ndizise isilivere, esikhundleni somthi ubhedu, esikhundleni samatye intsimbi; yaye ndiya kumisela uxolo lube ngabaveleli bakho+ nobulungisa bube ngabaphathi bakho.+ 18  “Akuyi kuba saviwa lugonyamelo elizweni lakho, ukuphangwa nokuwa phakathi kwemida yakho.+ Kwaye ngokuqinisekileyo uya kubiza iindonga zakho ngokuthi uSindiso+ namasango akho uthi iNdumiso. 19  Ilanga aliyi kuba saba lukhanyiso kuwe emini, nokuqaqamba kwenyanga akusayi kuba sakukhanyisela. Yaye uYehova umele abe lukhanyiso lwakho oluhlala ngokungenammiselo,+ noThixo wakho abe bubuhle bakho.+ 20  Ilanga lakho aliyi kuba satshona, nenyanga yakho ingafi; kuba uYehova uya kuba lukhanyiso oluhlala ngokungenammiselo kuwe,+ nemihla yokuzila kwakho iya kube ifikelele esiphelweni.+ 21  Ke bona abantu bakho, bonke baya kuba ngamalungisa;+ baya kulidla ilifa ilizwe ukusa kwixesha elingenammiselo,+ ihlumelo loko kutyalwe ndim,+ umsebenzi wezandla zam,+ ukuze mna ndihombe.+ 22  Omncinane uya kuba liwaka, nophantsi abe luhlanga olunamandla.+ Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako.”+

Umbhalo osemazantsi