I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 59:1-21

59  Khangela! Isandla sikaYehova asisifutshane ukuba singasindisi,+ nendlebe yakhe ayinzima ukuba ingeva.+  Kodwa ziziphoso zenu ezinahlukanisileyo noThixo+ wenu, zizono zenu ezibusithelisileyo ubuso bakhe kuni ukuze angeva.+  Kuba iintende zenu zingcoliswe ligazi,+ neminwe yenu sisiphoso. Imilebe yenu ithethe ubuxoki.+ Ulwimi lwenu ludumzela intswela-bulungisa.+  Akukho namnye umemeza ngobulungisa,+ yaye akukho namnye konke konke oye enkundleni ngokuthembeka. Kukholoswe ngento engeyonene,+ yaye kuthethwa ubungento.+ Kukhawulwe inkathazo, kuzelwe okwenzakalisayo.+  Baqandusela amaqanda enyoka enobuhlungu, yaye baluka indlu yesigcawu.+ Nabani na odlayo emaqandeni abo angafa, neqanda elikrotyoziweyo lingaqandusela irhamba.+  Umsonto wendlu yesigcawu awuyi kuba sisambatho, bengayi kuzigquma ngemisebenzi yabo.+ Imisebenzi yabo yimisebenzi eyenzakalisayo, nomsebenzi wogonyamelo usezintendeni zabo.+  Iinyawo zabo ziqhubeka zibalekela ngqo ebubini,+ yaye ziyakhawuleza ukuphalaza igazi elimsulwa.+ Iingcamango zabo ziingcamango ezenzakalisayo;+ ukuphanga nokuwisa ngoohola babo bendlela.+  Indlela yoxolo+ abayinanzanga, yaye akukho okusesikweni emikhondweni yabo.+ Iindlela zabo bazenze zagwenxa.+ Akukho namnye onyathela kuzo oya kulwazi konke konke uxolo.+  Kungenxa yoko le nto okusesikweni kukude kuthi, nobulungisa bungasifumani. Sihlala sithembe ukukhanya, kodwa, khangela! bubumnyama; sithembe ukuqaqamba, kodwa saqhubeka sihamba esithokothokweni.+ 10  Simana siphuthaphutha udonga njengabantu abaziimfama, kwaye siyaphuthaphutha njengabo bangenamehlo.+ Sikhubeke emini enkulu njengasekutshoneni kwelanga; phakathi kwabomeleleyo sinjengabafileyo.+ 11  Sihlala sigcuma, sonke, njengeebhere; nanjengamahobe siyalila sikhedamile.+ Sahlala sithembe okusesikweni,+ kodwa kungabikho; usindiso, kodwa luhlalele kude kuthi.+ 12  Kuba iye yaba ninzi imvukelo yethu phambi kwakho;+ ke zona izono zethu, ngasinye siyangqina nxamnye nathi.+ Kuba imvukelo yethu ikuthi; yaye ke zona iziphoso zethu, sizazi kakuhle.+ 13  Kubekho ukunxaxha nokumkhanyela uYehova;+ kwaye kubekho ukuhlehla kuThixo wethu, ukuthetha ngengcinezelo nemvukelo,+ ukukhawula nokudumzela amazwi obuxoki asuka entliziyweni.+ 14  Yaye okusesikweni kuhlehlisiwe,+ nobulungisa basuka bamela kude.+ Kuba inyaniso ikhubekile nasendaweni yembutho, noko kuthe tye akukwazi kungena.+ 15  Ayikho inyaniso,+ yaye nabani na osukayo ebubini uyaphangwa.+ UYehova wabona, yaye kwakukubi emehlweni akhe ukungabikho kokusesikweni.+ 16  Akubona ukuba akukho mntu, wakhwankqiswa kukungabikho komthetheleli.+ Waza ke wabasindisa ngayo ingalo yakhe, wabaxhasa ngabo ubulungisa bakhe.+ 17  Wandula ke wambatha ubulungisa njengesambatho sentsimbi,+ nesigcina-ntloko sosindiso entloko.+ Ngapha koko, wambatha izambatho zempindezelo+ waza wazisonga ngenzondelelo ngokungathi sisambatho esingenamikhono.+ 18  Uya kubavuza ngokwezenzo zabo,+ akhuphele umsindo wakhe kwabo bachasene naye, azibuyekeze ngokwempatho yazo iintshaba zakhe.+ Kwiziqithi uya kubuyekeza impatho efaneleyo.+ 19  Yaye entshonalanga baya kuqalisa ukuloyika igama likaYehova,+ nasempumalanga uzuko lwakhe,+ kuba uya kufika njengomlambo obandezelayo, lowo uqhutywa nguwo kanye umoya kaYehova.+ 20  “Kwaye ngokuqinisekileyo uMhlawuleli+ uya kuza eZiyon,+ nakwabo bajikayo ekunxaxheni kwaYakobi,”+ utsho uYehova. 21  “Mna ke, nguwo lo umnqophiso wam nabo,”+ utsho uYehova. “Umoya wam ophezu kwakho+ namazwi am endiwabeke emlonyeni wakho+—akayi kushenxiswa emlonyeni wakho okanye emlonyeni wenzala yakho okanye emlonyeni wenzala yenzala yakho,” utsho uYehova, “ukususela ngoku kuse phambili kwixesha elingenammiselo.”+

Umbhalo osemazantsi