Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 57:1-21

57  Ilungisa litshabalele,+ kodwa akukho bani ukuthabathela ntliziyweni oko.+ Nabantu bobubele bothando bahlangiselwa ekufeni,+ ngoxa kungekho bani uqondayo ukuba ukususwa kwelungisa kungenxa yentlekele.+  Lingena eluxolweni;+ bayaphumla+ kwiimandlalo zabo,+ ngamnye ohamba ngokuthe tye.+  “Ke nina, sondelani apha,+ nina bonyana betolakazi,+ imbewu yomntu okrexezayo neyomfazi ongunongogo:+  Nichwayitela bani na?+ Niyivulela bani na ibe banzi imilomo yenu, ning’ong’oza nje?+ Aningobantwana bokreqo na, imbewu yobuxoki,+  abo bavutha yinkanuko phakathi kwemithi emikhulu,+ phantsi kwayo yonke imithi enabileyo,+ nibulala ngogonyamelo abantwana ezintlanjeni phantsi kweemfanta zengxondorha?+  “Isahlulo sakho sasisematyeni agudileyo entlambo.+ Wona ayeliqashiso lakho.+ Ngaphezu koko, wawathululela umnikelo othululwayo,+ wanikela kuwo isipho. Ndiya kuzithuthuzela na ngezi zinto?+  Entabeni ende nephakamileyo wabeka umandlalo wakho.+ Wenyukela apho ukuya kunikela umbingelelo.+  Isikhumbuzo sakho wasibeka emva kocango nomgubasi.+ Kuba wathi ungaphandle kwam wazityhila waza wenyuka; wawenza banzi umandlalo wakho.+ Kwaye wena wazenzela umnqophiso kunye nabo. Wathanda umandlalo kunye nabo.+ Wabona ilungu lobudoda.  Wehla waya kuMeleki uneoli, waza wazenzela izithambiso ezininzi.+ Kwaye waqhubeka uthumela kude abathunywa bakho, ngokokuze uyithobele eShiyol imicimbi.+ 10  Uye wabulaleka ngobuninzi beendlela zakho.+ Akuthanga, ‘Akukho themba!’ Ufumene ukuvuseleleka kwamandla akho.+ Kungenxa yoko le nto ungagulanga.+ 11  “Wothuke ngabani na waza waqalisa ukoyika,+ ngokokuze uxoke nje?+ Kodwa asindim omkhumbuleyo.+ Akukho nto uyithabathele entliziyweni yakho.+ Andizange ndihlale ndithe cwaka na, ndikufihlile oku?+ Ngoko ubungoyiki nam lo.+ 12  Mna ndiya kubuxela ubulungisa bakho+ nemisebenzi yakho,+ ukuba ayiyi kuba yingenelo kuwe.+ 13  Ekukhaleni kwakho ufuna uncedo ingqokelela yakho yezinto ayiyi kukuhlangula,+ kodwa ziya kumka nomoya.+ Umphunga uya kuzisusa, kodwa lowo uzimela ngam+ uya kulidla ilifa ilizwe aze ayidle ilifa nentaba yam engcwele.+ 14  Ngokuqinisekileyo ubani uya kuthi, ‘Fumbani, fumbani! Hlahlani indlela.+ Shenxisani nasiphi na isikhubekiso endleleni yabantu bam.’”+ 15  Kuba utsho Ophezulu naLowo Uphakamileyo,+ ohlala ngonaphakade+ nogama lakhe lingcwele,+ ukuthi: “Ndihlala kwindawo ephakamileyo nakwindawo engcwele,+ kanjalo nakotyumkileyo nonomoya othobekileyo,+ ukuvuselela umoya wabo bathobekileyo nokuvuselela intliziyo yabo batyumkileyo.+ 16  Kuba andiyi kusukuzana ukusa kwixesha elingenammiselo, ndingayi kucaphuka ngokungapheliyo;+ kuba ngenxa yam umoya ungaba buthathaka,+ kwanezidalwa eziphefumlayo ezo ndizenzileyo.+ 17  “Ngenxa yesiphoso senzuzo yakhe yokungekho sikweni+ ndacaphuka, ndaza ndambetha, ndibufihla ubuso bam,+ ngoxa ndandicaphukile. Kodwa waqhubeka ehamba njengomkreqi ngendlela yentliziyo yakhe.+ 18  Ndizibonile iindlela zakhe; kwaye ndaqalisa ukumphilisa+ nokumkhokela+ nokumbuyekeza ngokumthuthuzela+ yena nabo bazilileyo bakhe.”+ 19  “Ndidala isiqhamo semilebe.+ Kuya kubakho uxolo oluqhubekayo kulowo ukude nakulowo ukufuphi,+ yaye ndiza kumpilisa,”+ utsho uYehova. 20  “Kodwa abangendawo banjengolwandle olulatyuzayo, xa lungakwazi ukuzola, namanzi alo emana evumbulula ukhula lwaselwandle nodaka. 21  Alukho uxolo kwabangendawo,”+ utsho uThixo wam.

Umbhalo osemazantsi