I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 56:1-12

56  Utsho uYehova ukuthi: “Gcinani okusesikweni,+ nenze ubulungisa.+ Kuba lusondele usindiso lwam,+ nobulungisa bam sele buza kutyhileka.+  Unoyolo umntu ofayo okwenzayo oku,+ nonyana womntu obambelela kuko,+ ogcina isabatha ukuze angayihlambeli,+ nosigcinayo isandla sakhe ukuze angenzi naluphi na uhlobo lobubi.+  Yaye owasemzini ozihlanganise kuYehova makangathi,+ ‘Ngaphandle kokuthandabuza uYehova uya kundahlukanisa nabantu bakhe.’+ Nethenwa+ malingathi, ‘Khangela! Ndingumthi owomileyo.’”  Kuba utsho uYehova kumathenwa agcina iisabatha zam nabanyule oko ndiyoliswa kuko+ nabo babambe umnqophiso wam, ukuthi:+  “Ndiza kubanika endlwini yam+ naphakathi kweendonga zam lona kanye ilitye lesikhumbuzo+ negama,+ into elunge ngakumbi kunoonyana neentombi.+ Ndiya kubanika igama ukusa kwixesha elingenammiselo,+ elingayi kunqunyulwa.+  “Nabasemzini abaye bazihlanganisa kuYehova ukuze balungiselele kuye+ nokuze bathande igama likaYehova,+ ukuze babe ngabakhonzi kuye, bonke abo bagcina isabatha ukuze bangayihlambeli nababamba umnqophiso wam,+  kanjalo ndiza kubazisa entabeni yam engcwele+ ndize ndibenze babe nemihlali endlwini yam yomthandazo.+ Umnikelo wabo otshiswa kuphele+ nemibingelelo yabo+ iya kuba yeyokwamkelwa esibingelelweni sam.+ Kuba yona kanye indlu yam iya kubizwa nangokuba yindlu yomthandazo yazo zonke izizwana.”+  Itsho iNkosi enguMongami uYehova, oqokelela ndawonye abo basasazekileyo bakwaSirayeli:+ “Ndiya kubaqokelela ndawonye kuye abanye ngaphandle kwabo bakhe abasele beqokelelene ndawonye.”+  Nonke nina zilwanyana zasendle, yizani nize nidle, nonke nina zilwanyana zasendle ezisehlathini.+ 10  Abalindi bakhe baziimfama.+ Abakho kubo abaphawulileyo.+ Bonke zizinja ezingathethiyo; abakwazi kukhonkotha,+ bayakhefuzela, balele, bathanda ukozela.+ 11  Ewe, bazizinja ezomeleleyo koko kunqwenelwa ngumphefumlo wazo;+ abakwazi ukwaneliseka.+ Bangabalusi abangakwaziyo ukuqonda.+ Bonke bajike baya endleleni yabo, ngamnye ngenxa yenzuzo yokungekho sikweni emdeni wakhe:+ 12  “Yizani! Mandithabathe intwana yewayini; kwaye masisele isiselo esinxilisayo side sanele.+ Yaye ngokuqinisekileyo ingomso liya kuba kanye njenganamhlanje, libe likhulu kakhulu.”+

Umbhalo osemazantsi