I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 55:1-13

55  Wenani, nonke nina ninxaniweyo!+ Yizani emanzini.+ Nabo bangenamali! Yizani, nithenge nize nidle.+ Ewe, yizani, nithenge iwayini+ nobisi+ ngaphandle kwemali nangaphandle kwexabiso.+  Kutheni na naqhubeka nihlawula imali ngenxa yoko kungesosonka, kwaye yini na ukuba nibulaleke ngenxa yoko kungananelisiyo?+ Phulaphulani ngenyameko kum, nize nidle okulungileyo,+ yaye imiphefumlo yenu mayiyoliswe ngokugqibeleleyo kukutyeba.+  Thobani indlebe yenu,+ nize kum.+ Phulaphulani, yaye umphefumlo wenu uya kuhlala uphila,+ kwaye ndiya kukulungela ukwenza umnqophiso+ nani ohlala ngokungenammiselo ngokuphathelele ububele bothando obuthembekileyo bukaDavide.+  Khangelani! Ndimnike+ ukuba abe lingqina+ kumaqela eentlanga,+ inkokeli+ nomphathi+ wamaqela eentlanga.  Khangela! Uya kubiza uhlanga ongalwaziyo,+ nabo bohlanga abebengakwazi baya kubalekela kuwe,+ ngenxa kaYehova uThixo wakho,+ nangenxa yaLowo Ungcwele kaSirayeli,+ ngokuba uya kube ekuhombisile.+  Funani uYehova ngoxa esenokufunyanwa.+ Mbizeni ngoxa esekufuphi.+  Umntu ongendawo makashiye indlela yakhe,+ nomntu owenzakalisayo makashiye iingcamango zakhe;+ makabuyele kuYehova, oya kuba nenceba kuye,+ kuThixo wethu, kuba uya kuxolela ngokukhulu.+  “Kuba iingcamango zenu asizizo iingcamango zam,+ neendlela zam asizizo iindlela zenu,”+ utsho uYehova.  “Kuba njengoko amazulu ephakamile kunomhlaba,+ ngokunjalo neendlela zam ziphakamile kuneendlela zenu,+ neengcamango zam kuneengcamango zenu.+ 10  Njengokuba kusihla imvula nekhephu emazulwini, yaye zingabuyeli kuwo zingawunyakamisanga umhlaba, ziwenze uvelise kwaye uhlume,+ umnike imbewu umhlwayeli, umnike nesonka odlayo,+ 11  ngoko ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam liya kuba njalo.+ Aliyi kubuyela kum ngaphandle kwemiphumo, kodwa ngokuqinisekileyo liya kukwenza+ oko ndiyoliswa kuko,+ likuphumelelise ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.+ 12  “Kuba niya kuphuma ninemihlali,+ kwaye niya kuziswa ninoxolo.+ Iintaba neenduli ziya kuchwayita phambi kwenu ngokumemelela ngovuyo,+ nemithi yasendle iqhwabe izandla yonke.+ 13  Esikhundleni sentshinyela yameva kuya kuphuma umthi wejunipha.+ Esikhundleni serhawu elihlabayo kuya kuphuma umthi wommirtile.+ Yaye oku kuya kuba ludumo kuYehova,+ kube ngumqondiso ongayi kunqunyulwa ukusa kwixesha elingenammiselo.”+

Umbhalo osemazantsi