Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 54:1-17

54  “Memelela ngovuyo, wena mfazi uludlolo olungazaliyo!+ Chwayita umemelele ngovuyo uze udanduluke kabukhali,+ wena ungazange ube nenimba,+ kuba baninzi oonyana bophanzileyo kunoonyana bomfazi onendoda,”+ utsho uYehova.  “Yenze ibe banzi ngakumbi indawo yentente yakho.+ Kwaye mabawolule amalaphu entente yomnquba wakho ozukileyo. Ungathinteli. Yandisa iintambo zentente yakho, uzenze zomelele izikhonkwane zentente yakho.+  Kuba uya kuphuma uye ngasekunene nangasekhohlo,+ nenzala yakho iya kuzidla ilifa iintlanga,+ izime izixeko ebeziphanzile.+  Musa ukoyika,+ kuba akuyi kuhlaziswa;+ yaye musa ukuziva uthotyiwe, kuba akuyi kudaniswa.+ Kuba uya kulilibala kwanehlazo lexesha lobutsha bakho,+ nongcikivo lobuhlolokazi bakho akuyi kuba salukhumbula.”  “Kuba uMenzi wakho Ozukileyo+ yindoda engumnini wakho,+ igama lakhe linguYehova wemikhosi;+ yaye Lowo Ungcwele kaSirayeli nguMhlawuleli wakho.+ Uya kubizwa ngokuba nguTHIXO womhlaba uphela.+  Kuba uYehova wakubiza ngokungathi ubungumfazi oshiywe ngokupheleleyo nowenzakeleyo emoyeni,+ nanjengomfazi wexesha lobutsha+ owathi ke wagatywa,”+ utsho uThixo wakho.  “Ndakushiya ngokupheleleyo okomzuzwana omncinane,+ kodwa ndiya kukuqokelela ndawonye ngeenceba ezinkulu.+  Ngomkhukula wokucaphuka ndabufihla ubuso bam kuwe okomzuzwana nje,+ kodwa ngobubele bothando ndiza kuba nenceba kuwe ukusa kwixesha elingenammiselo,”+ utsho uMhlawuleli wakho,+ uYehova.  “Oku kunjengemihla kaNowa kum.+ Kanye njengoko ndifungile ukuba amanzi kaNowa akayi kuphinda adlule phezu komhlaba,+ ngokunjalo ndifungile ukuba andisoze ndikucaphukele okanye ndikukhalimele.+ 10  Kuba iintaba zingashenxiswa, neenduli zingashukuma,+ kodwa ububele bam bothando abuyi kushenxiswa kuwe,+ nomnqophiso wam woxolo awuyi kushukuma,”+ utsho uYehova, Lowo unenceba kuwe.+ 11  “Owu mfazi uxhwalekileyo,+ ophoswa ngapha nangapha sisivuthuvuthu,+ ongathuthuzelekanga,+ yabona, ndiwabeka amatye akho ngodaka oluqinileyo,+ yaye ndiya kusibeka ngeesafire+ isiseko sakho.+ 12  Kwaye uqoqo lwakho ndiya kulwenza ngeerubhi, namasango akho ngamatye abengezelayo abumlilorha,+ nemida yakho yonke ngamatye ayolisayo. 13  Bonke oonyana bakho+ baya kufundiswa nguYehova,+ lube lukhulu uxolo loonyana bakho.+ 14  Uya kumiselwa ngokuqinileyo ngobulungisa.+ Uya kuba kude nengcinezelo+—kuba akuyi koyika nto—nayo nantoni na enkwantyisayo, kuba ayiyi kusondela kuwe.+ 15  Ukuba nabani na angakuhlasela, akayi kuba eyalelwe ndim.+ Nabani na okuhlaselayo uya kuwa ngenxa yakho.”+ 16  “Khangela! Mna ndidale ingcibi, leyo ivuthela+ umlilo wamalahle+ eenkuni nevelisa isixhobo njengomsebenzi wayo. Ndidale kwanendoda eyonakalisayo+ yomsebenzi wokwaphula. 17  Nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nawe asiyi kuphumelela,+ nalo naluphi na ulwimi oluya kuphakama nxamnye nawe ekugwetyweni uya kulugwebela isohlwayo.+ Lilo elo ilifa labakhonzi bakaYehova,+ yaye ubulungisa babo buphuma kum,” utsho uYehova.+

Umbhalo osemazantsi