Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isa 50:1-11

50  Utsho uYehova ukuthi: “Siphi na, ke, isiqinisekiso soqhawulo-mtshato+ sikanyoko endamndululayo?+ Okanye nguwuphi na kubabolekisi bam endithengise ngani kuye?+ Khangelani! Ngenxa yeziphoso zenu+ nithengisiwe, nangenxa yokunxaxha kwenu unyoko uye wandululwa.+  Yini na ukuba ndifike, kungekho bani?+ Ndibize, kungabikho uphendulayo?+ Sifutshane kakhulu na isandla sam ukuba singakhulula,+ okanye akukho mandla okuhlangula na kum? Khangela! Ndomisa ulwandle+ ngokhalimelo lwam;+ ndenza imilambo ibe yintlango.+ Iintlanzi zalo ziyanuka ngenxa yokungabikho kwamanzi, yaye ziyafa lunxano.+  Ndambesa amazulu ngokusithakala,+ ndiwenzele isigqubuthelo ngamarhonya.”+  INkosi enguMongami uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo,+ ukuze ndiyazi indlela yokuphendula odiniweyo ngelizwi.+ Iyandivusa iintsasa ngeentsasa; iyayivusa indlebe yam ukuze ive njengabafundileyo.+  INkosi enguMongami uYehova iyivulile indlebe yam, yaye mna andibanga nemvukelo.+ Andijikelanga kwicala elahlukileyo.+  Ndawunikela umhlana wam kubabethi, nezidlele zam+ kwabo baxhwitha iinwele. Andibufihlanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni.+  Kodwa iNkosi enguMongami uYehova iya kundinceda.+ Kungenxa yoko le nto ndingayi kuziva ndithotyiwe. Kungenxa yoko le nto ndimise ubuso bam njengeqhwitha, yaye ndiyazi ukuba andiyi kuba nazintloni.+  Lowo undivakalisa ndililungisa usondele.+ Ngubani na onokusukuzana nam? Masime ndawonye.+ Ngubani na ochasene nam kwezokugweba?+ Makasondele kum.+  Khangela! INkosi enguMongami uYehova iya kundinceda. Ngubani na onokundivakalisa ndingongendawo?+ Khangela! Bonke baya kuphela njengesambatho.+ Inundu liya kubadla libagqibe.+ 10  Ngubani na phakathi kwenu owoyika+ uYehova, ephulaphula ilizwi lomkhonzi wakhe,+ ohambe ebumnyameni obuqhubekayo+ nalowo bekungekho kuqaqamba kuye? Makakholose ngegama likaYehova+ aze azixhase ngoThixo wakhe.+ 11  “Khangelani! Nonke nina baphemba umlilo, bakhanyisa iintlantsi, hambani ekukhanyeni komlilo wenu, naphakathi kweentlantsi enizivuthisayo. Ngokuqinisekileyo esandleni sam naku eniya kuba nako: Niya kulala phantsi nisentlungwini ngokupheleleyo.+

Umbhalo osemazantsi