I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 47:1-15

47  Yihla uze uhlale phantsi eluthulini,+ ntombi enyulu yaseBhabhiloni.+ Hlala phantsi emhlabeni apho kungekho trone,+ ntombi yamaKhaledi.+ Kuba akuyi kuba namava kwakhona okuba abantu bakubize ngokuba ubuthathaka yaye uethe-ethe.+  Thabatha ilitye lokuguba+ uze usile umgubo. Tyhila isigqubuthelo sakho.+ Hluba umbhinqo wakho omde.+ Tyhila umlenze.+ Wela imilambo.  Ufanele ubutyhile ubuze bakho.+ Ungcikivo lwakho lufanele lubonwe.+ Ndiya kuphindezela,+ ndingahlangabezi mntu ngobubele.  “Kukho Lowo usihlawulelayo.+ Igama lakhe nguYehova wemikhosi,+ Lowo Ungcwele kaSirayeli.”+  Hlala phantsi uthe cwaka+ uze ungene ebumnyameni,+ ntombi yamaKhaledi;+ kuba akuyi kuba namava kwakhona okuba abantu bakubize ngokuba uyiNkosikazi+ Yezikumkani.+  Ndabacaphukela abantu bam.+ Ndalihlambela ilifa lam,+ ndabanikela esandleni sakho.+ Akuzange ubenzele nceba.+ Wayenza yanzima idyokhwe yakho phezu kwendoda endala.+  Kwaye wamana usithi: “Ndiya kungqineka ndiyiNkosikazi+ ukusa kwixesha elingenammiselo, ngonaphakade.” Akuzange uzithabathele ntliziyweni yakho ezi zinto; akuzange ukukhumbule ukuphela komcimbi.+  Ke kaloku yiva oku, mfazindini unikwe uyolo, lowo uhleli ngonqabiseko,+ lowo uthi entliziyweni yakhe: “Ndim lo, akukho bani ungomnye.+ Andiyi kuhlala njengomhlolokazi, nokulahlekelwa ngabantwana andiyi kukwazi.”+  Kodwa ezi zinto zimbini ziya kuza kuwe ngequbuliso, ngamini-nye:+ ukulahlekelwa ngabantwana nobuhlolokazi. Ngomlinganiselo wazo opheleleyo zimele zikufikele,+ ngenxa yokukhafula kwakho okukhulu, ngenxa yamandla apheleleyo oomabophe bakho—ngokugqithiseleyo.+ 10  Uqhubekile ukholosa ngobubi bakho.+ Uye wathi: “Akukho bani undibonayo.”+ Ubulumko bakho nolwazi lwakho+—kuko okukulahlekisileyo; yaye umana usithi entliziyweni yakho: “Ndim lo, akukho wumbi.” 11  Kwaye umele ufikelwe yintlekele; akuyi kulazi ikhubalo lokumelana nayo. Uya kuwelwa yinkxwaleko;+ akuyi kukwazi ukuyinqanda. Yaye uya kufikelwa ngequbuliso+ kukonakaliswa ongakwaziyo. 12  Ke kaloku, yima ngxi ngoomabophe bakho nangokukhafula kwakho okukhulu,+ oye wabulaleka ngako ukususela ebutsheni bakho; ukuze mhlawumbi ukwazi ukungenelwa, ukuze mhlawumbi wenze abantu bangenwe luloyiko. 13  Udiniwe bubuninzi babacebisi bakho. Ke kaloku, mabeme baze bakusindise, abanquli bamazulu, abo bakhangela iinkwenkwezi,+ abo bathi ekuthwaseni kweenyanga bazise ngezinto eziya kukufikela. 14  Khangela! Baye baba njengeendiza.+ Ngokuqinisekileyo umlilo uya kubatshisa.+ Abayi kuwuhlangula umphefumlo wabo+ emandleni amadangatye.+ Akuyi kubakho mlilo wamalahle eenkuni ukuze abantu bothe, kungekho kukhanya komlilo abaya kuhlala phantsi phambi kwawo. 15  Ngokuqinisekileyo baya kuba njalo kuwe, abo ubulaleke ngabo besebenzisa amakhubalo+ ukususela ebutsheni bakho. Okunene baya kubhadula, ngamnye aye kummandla wakowabo. Akuyi kubakho bani wokukusindisa.+

Umbhalo osemazantsi